Ibethwe okokuqala iDowns kwiChamps League

IiBrazillians ziphulukene nomdlalo wazo wokuqala kwiCaf Champs League Umfanekiso: Uthunyelwe

IMamelodi Sundowns iphulukene nomdlalo wayo okokuqala ukusukela oko yabuyiselwa kwiCaf Champions League emva kokubethwa yi-Enyimba ngo’3-1 namhlanje kumdlalo obuseNigeria.

Obona bunzima kulo mdlali bubangelwe yimvula ebisina ngamandla ekhokelele ekubethweni kweli qela loMzantsi Afrika.

Ukuphumelela kwayo i-Enyimba akuyincedi kangako ngoba yimpumelelo yayo yokuqala le kuGroup B.

Yaphumelela ngo’2-1 iDowns kumdlalo wokuqala obuseLucas Moripe Stadium kwinyanga ephelileyo

Noxa iSundowns iphulukene nalo mdlalo – kodwa iya kumjikelo olandelayo weChampions League ngoba isahleli phezulu keuGroup B emva kokuphumelela yonke imidlalo yayo phambi kwalo.