Ibokoboko amacala iDinaledi engonjwe yiCoastal United ngolunya

UPhillip Ndlondlo weDinaledi FC noThabo Nodada weCoastal United FC emdlalweni weDStv Compact Cup obuseMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Umdlalo wokuqala weDStv Compact ubuvutha bhe. Elinye lamaqela athatha inxaxheba, iDinaledi FC, libokoboko amacala emva kokungonjwa ngemvula yamagowuli amathathu (3-0) emdlalweni weDStv Compact obumhle eMoses Mabhida Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Iqela laselunxwemeni (Coastal United), phantsi kwesandla sikaSteve Barker, belidlalelwa ngamadoda aziwayo aquka uThabo Nodada, iTaariq Fielies noNathan Sinkala. Kanti yona iDinaledi FC ebiqeqeshwa nguDan Malesela ibinabadlali abafana noGaston Sirino, uGift Motupa noKermit Erasmus abadlalela iMamelodi Sundowns.

Ibhakuzelise umnatha emzuzwini wesibhozo iCoastal United kwisigaba sokuqala ngebhola efakwe ngu-Ashley Du Preez. Izamile ukuphendula ngoko nangoko iNaledi FC – kodwa ngelishwa layo, ibhola kaSirino iphume ecaleni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iCoastal inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye. Kwisigaba sesibini, amaqela athathe apho ayeke khona kwisigaba sokuqala. Nangona iDinaledi ibihamba emva – kodwa ikwazile ukudala amathuba aliqela. Emva kwemizuzu embalwa kwisigaba sesibini, uFielies ufake igowuli lesibini leCoastal United. Ufumene ibhola abangakwazanga ukuyichitha ebhokisini abadlali beDinaledi wayibeka emnatheni. Izamile iDinaledi yade yafumana ipenela.

UMasuluke uzenzele igama elihle kubalandeli ngokuvala ipenela ekhatywe nguSirino. Abadlali abafana noMotupi noNdabayithethwa Ndlondlo bazamile ukukhabela unozinti – kodwa iinzame zabo ziwe phantsi. ULuphumlo Sifumba, 16, wenze ezibukwayo ngethuba efaka igowuli elihle ekude. ICoastal iye yadlala ngabadlali abangaphelelanga emva kokuba usompempe ekhuphe uRobyn Johannes ikhadi elibomvu. UThabo Rakhale noKapinga bazamile ukufumana igowuli lokubika – kodwa khange ivume ukuvula iCoastal United emva.

Coastal United: Masuluke, Mashego, Fielies, Johannes, Farmer, Nodada, Makola, Ngele, Sinkala, Makgopa, Du Preez

Dinaledi: Goss, De Reuck, Mobbie, Fleurs, Nonyane, Sirino, Mokoena, Mbule, Nldondlo, Erasmus, Motupa