IChippa idlulele phambili kwiTelkom Knockout emva kokubetha iCeltic!

Iya
kumjikelo olandelayo iChippa United emva kokubetha iBloemfontein Celtic
ngegowuli elinye eqanden (1-0) emdlalweni weTelkom Knockout obumhle eSisa
Dukashe Stadium namhlanje ebusuku. Ukhulule umzi uLehlogonolo Masalesa ngebhola
yentloko ayifake isuka ekoneni kuTercious Malepe ekuzeni kuphela kwesigaba
sesibini somdlalo. Impumelelo ezuzwe yiChippa namhlanje yeyokuqala – kanti naye
umqeqeshi wayo omtsha, uNorman Mapeza, ebeyiqeqesha emdlalweni wakhe wokuqala
emva kokuthatha iintambo kuClinton Larsen ogxothwe kwinyanga ephelileyo ngenxa
yeziphumo ezingancumisiyo. Umdlalo weChippa ubuphucuke kakhulu kunalowo
yabethwa kuwo yiBidvest Wits kwiiveki ezidlulileyo eMdantsane. Kulindeleke
impumelelo yanamhlanje ibakhuthaze abadlali njengokuba iChippa isiya kwiHighlands Park ngempelaveki.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Umdlalo
uqale kakuhle kodwa bekucaca okokuba alikho elifuna ukuphisa ngegowuli kwangoko.
URhulani Manzini uphose ithuba ephambi kukanozinti emzuzwini wesibhozo. Emva
koko, uNdumiso Mabena utsale imbumbulu yebhola ekude – kodwa ifike uPatrick
Tignyemb ethe qwa. Aqhubele phambili amaqela omabini nokudlala umdlalo omhle –
kodwa iyiChippa United elawula umdlalo. UTignyemb uphinde wavala iibhola ezimbi
ebezikhatywe nguMabena noHarris Tchilimbou. UManzini uphantse wayonzakalisa
iCeltic ekuzeni kuphela kwesigaba sokuqala ngebhola ayinikwe nguGregory Damos
obedlala ephikweni. Iinguqu ezenziweyo, indawo ka-Andile Mbenyane ithathwe
nguLehlogonolo Masalela. Kanti kwiCeltic kuphume uTshepo Rikhotso ngenxa
yokonzakala. Indawo yakhe ithathwe nguThato Lingwati.

Iqale apho
iyeke khona kwisigaba sokuqala iChippa. Ihlasele macala isebenzisa abadlali
abafana noRakhale noMasalela. ULucky Baloyi udlale ngethuba ephambi kukanozinti
kwala wonke umntu ebaleni. Khange kuphele imizuzu emininzi, uJackson Mabokgwane
ubambe ibhola embi ebigotywe nguRakhale ekunene. Naye uTignyemb uchithe ibhola
ebikhatywe nguBaloyi ekude. UNorman Mapeza ukhuphe uRhulani Manzi, indawo yakhe
yathathwa nguMeshack Maphangule. Ibhola kaBoikanyo Komane ebimbi inqandwe
yipali. Amakhwenkwe kaLehlohonolo Seema adlale umdlalo ongcono nawo kwisigaba
sesibini futhi ebemane enkqonkqoza ezipalini zeChippa ebixhathise ngamawele
uKevin Moyo, uElvis Moyo noFrederic Nsabiyumva phaya emva. UMasalesa
uphakuzelise umnatha ngentloko emva kwebhola ebikhatywe nguTercious Malepe
ekoneni. Emdlalweni obungeCawe, iHighlands Park ibethe iBlack Leopards ngo’6-5 kumapenela emva kokuba umdlalo uphele amaqela ebambene ngeqanda eMakhulong Stadium.

 Athelekiswe ngolu hlobo:

Maritburg United vs Highlands Park

Chippa United vs Mamelodi Sundowns
Kaizer Chiefs vs Orlando Pirates
Supersport United vs Golden Arrows

 

Chippa: Patrick Tignyemb, Gregory Damos, Frederic
Nsabiyumva, Kevin Moyo, Elvis Moyo, Boikanyo Komane, Mzikayise Mashaba,
Tercious Malepe, Andile Mbenyane, Thabo Rakhale, Rhulani Manzini.

Amalalela: Mlungisi Mazibuko, Kurt Lentjies, Gerald
Modisane, Meshack Maphangule, William Twala, Silas Maziya, Lehlogonolo Masalesa.

Celtic: Jackson Mabokgwane, Given Mashikinya, Sifiso
Ngobeni, Mpusana Tani, Lucky Baloyi, Mzwanele Mahashe, Ndumiso Mabena,
Siphelele Luthuli, Tshepo Rikhotso, Victor Letsoalo, Harris Tchilimbou.

Amalalela: Sipho Chaine, Tumiso Mogwakwe, Motebang Sera,
Shadrack Kobedi, Thato Lingwati, Neo Maema, Ramasimong Maloisane.