IChippa neMaritzburg zibambene ngeqanda emdlalweni obuseSisa Dukashe Stadium

Silas Maziya of Chippa United during the2019 Telkom Knockout Quarter Finals game between Chippa United and Mamelodi Sundowns at Nelson Mandela Stadium in Port Elizabeth on 03 November 2019 Deryck Foster/BackpagePix

IChippa
United neMaritzburg United zibambene ngobhongwane emdlalweni we-Absa
Premiership ophele iliqanda macala (0-0) eSisa Dukashe Stadium namhlanje ebusuku.
Emva kokubetha iBlack Leopards ngo’2-1 emdlalweni obuphakathi evekini, iChippa
United iza kuwamkela ngovuyo amanqaku amane ewafumeneyo emidlalweni yale veki.
Akukho ntshukumo eyenzekileyo emva komdlalo ongakwazanga ukuvelisa iqela eliphumeleleyo
– kodwa uEric Tinkler ugoduka ezikrwempa intloko ngoba iqela lakhe beliwafumene
amathuba acacileyo okuphumelela umdlalo. Enye yezinto ekuye kwacaca okokuba ibe
negalelo emdlalweni libala ebelinengca ende. UJudas Moseamedi noMxolisi Kunene baphantse bayonzakalisa iChippa United ebigqwidiza
maxa wambi – kodwa eye yakwazi ukuxhathisa kwade kwasekugqibeleni.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodoni. Umdlalo
ubumhle kwaye amaqela omabini adlale umdlalo ophucukileyo phantsi kwemeko
yebala ekhalazelweyo ungekaqali umdlalo nguTinkler. Nangona iChippa isebenzisa
iSisa Dukashe Stadium njengendawo yayo ebethela kuyo amaqela – kodwa umhlaba
ubusenyuka namhlanje, iMaritzburg ize izilungiselele ngokupheleleyo ngoba
yeyona ebinkqonkqoza ezipalini rhoqo. Umsebenzi oweziwe ngunozinti weChippa,
uVeli Mathwa, ubumhle kakhulu. UMxolisi Kunene noJudas Moseamedi bazamile
ukuxhokonxa besebenzisa iibhola ebezisithi gqi emacaleni.

Isiqingatha
sesibini sinike umdla kakhulu naso. Amaqela omabini adlale ibhola eya phambili.
Ngokwenza njalo abonisile ukuba afuna ukuphumelela umdlalo ukuze akwazi
ukufumana iindawo ezibhetele kwiPSL. Bekufanele ukuba iMaritzburg iye
yawafumana amagowuli amabini acacileyo. Ayikwazanga ukuwasebenzisa ngenxa
yabadlali beChippa abamkhuseleyo unozinti wabo obexakekile kakhulu emdlalweni. Kwisigaba
sesibini, uEric Tinkler ufake uJeremy Brockie. Umdlalo uphele kungekho
eliphumeleleyo. Kweminye imidlalo, iBaroka FC ibethe iPolokwane
City ngo’1-0, yona iStellenbosch
ivuthulule iHighlands
Park
ngo’4-1.

 

Chippa: Veli Mathwa, Diamond Thopola, Kevin Moyo,
Gerald Modisane, Tercious Malepe, Meshack Maphangule, Xolani Mahola, Thokozani
Sekotlong, Thabo Rakhale, Silas Maziya, Augustine Kwem.

Maritzburg: Bongani Mpandle, Pogiso Sanoka, Rushine de
Reuck, Nazeer Allie, Gabriel Nyoni, Daylon Claasen, Miguel Timm, Keagan
Buchanan, Mxolisi Kunene, Clive Augusto, Judas Moseamedi.