iCôte d’Ivoire iyivule kakuhle iAfrica Cup of Nations izolo

Ilizwe elisingathe iAfrica Cup of Nations (Afcon) yalo nyaka, iCôte d’Ivoire, lizicacisile ukuba lifuna ntoni ngokuthi libetha iGuinea-Bissau ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obutaka iintlantsi eAlassane-Ouattara Olympic Stadium, eAbidjan, izolo ebusu. Umdlalo uqale ngendlela encumisayo ulandela umsitho wokuvula itumente obumbejembeje obuzinyaswe zizikhamela ezihloniphekileyo ezifana noMongameli welizwe, uMnu. Alassane Ouattara, uMongameli weCAF uDr Patrice Motsepe noMnu. Gianni Infantino owongamele iFIFA.

Indlela ekuvulwe ngayo itumente yalo nyaka ibisemgangathweni ophezulu futhi iwufanele umsitho. Komke oko bekusondlalela amaqela amabini anikwe uxanduva lokugabula izigcawu kweyona tumente iphambili kwizwekazi le’Afrika. Le yitumente yokuqala phantsi kwesikhokelo sikaDr Motsepe oneminyaka emibini ezintanjeni – kodwa osele enze iinguqu ezibonakalayo ebholeni yamadoda neyamanenekazi. Amaqela asukelene zisuka ebaleni ebelimanzi – kodwa kudlaleka kulo.

Khange ifuna ukuphoxa abalandeli bayo iCôte d’Ivoire abagcwalise ibala izolo. Emva kokudlalela kakuhle ngebhola elahlwe ngumdlali weGuinea-Bissau, kungaphelanga nemizuzu emihlanu, uSeko Fofana, odlala eSaud Arabia, ubhakuzelise umnatha kwashukuma yonke iAlassane-Ouattara Olympic Stadium. Igowuli elifunyenwe ngoosotheko libanike ithuba lokuzinza emdlalweni kwangoko. Amathuba okufaka igowuli lesibini phambi kokuphela kwesigaba sokuqala ebekhona – kodwa khange asetyenziswe.

Emva kokubuya ekhefini, iCôte d’Ivoire iqhubele phambili nokuhlasela nokudlala ibhola entle. Bekubalulekile kuyo ukufumana igowuli lesibini emdlalweni ukuze iqiniseke ngempumelelo. Yenzekile loo nto emzuzwini wamashumi amathandathu ngethuba uJean Phillipe Kraso efaka igowuli lesibini leCôte d’Ivoire. Emva kokwenza iimpazamo ezimbi, iGuinea-Bissau idlale umdlalo ungcono kwisigaba sesibini. Iinguqu ezenziwe ngumqeqeshi zikwazile ukuyibuyisela emdlalweni. Kodwa ngelishwa layo, ayikwazanga ukufumana nto emdlalweni wokuqala weAfcon.