Igoduka igoqoza nenqaku elinye iNigeria emva kokudlelw’indlala eFNB Stadium

Percy Tau of South Africa challenged by Ojima Samuel Kalu of Nigeria during the 2019 African Cup of Nations Qualifier match between South Africa and Nigeria at FNB Stadium, Johannesburg on 17 November 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ukungavunywa
kwegowuli lesibini leNigeria kuthetha ukuthi igoduka igoqoza nenqaku elinye
emva kokubambana ngegowuli elinye (1-1) neBafana Bafana kumdlalo ohlakulela
indebe ye-Afrika emalanga namhlanje eFNB Stadium. Ngaphandle kwamathandabuzo,
iNigeria ikhathazekile emva kwezigqibo ezingachanekanga ezithathwe ngusompempe
emdlalweni. Kwisiqingatha sokuqala, usompempe uthe umdlali weNigeria ulale eza
kufaka igowuli. Nakwesesibini uthe umdlali weNigeria ulalele emva kokufaka
igowuli – zozibini izigqibo zakhe bezingachanekanga xa kujongwa kumabonakude. Nakubeni
kunjalo, iSuper Eagles ixolile ngoba inqaku elinye liyifake kwi-2019 Afcon ibaleka.
Logama wona uMzantsi Afrika kufuneka ungabethwa yiLibya kumdlalo wokugqibela
ukuze uqinisekise indawo yawo kwi-Afcon. UMzantsi Afrika udlale umdlalo
ophucukileyo, uPercy Tau noLebo Mothiba bazibonakalisile ukuba bangamakhwenkwe
amadala ngoku. Esiswini, uTuyani Mabinda noHlompho Kekana bakwazile ukuchathisa
– kanti nasemva uThamsanqa Mkhize, ongene endaweni kaRamahlwe Mphahlele, uqhube
kakuhle noxa uSifiso Hlanti ebesisixhaphaxhapha seNigeria kwisigaba sokuqala.

Kwangoko
kwisiqingatha sokuqala, izinto ziyihambele kakuhle iNigeria emva kokuba uBuhle
Mkhwanazi egwaze umkhonto ekhaya ngomzuzu wethoba. Ukuvuzwa kweSuper Eagles
ngegowuli kulandele amathuba ewadalileyo – apho abadlali boMzantsi Afrika
bazibhaqe beleqa izithunzi. UKapteni weNigeria okwanguye umdlali oyingozi, u-Ahmed
Musa, ukhabe ibhola enzima – kodwa iye yabanjwa ngu-Itumeleng Khune. Phambili
uMzantsi Afrika ubusebenza ngokuzimisela; iifolosi zikaStuart Baxter bezisoloko
zixhokonxa. UPercy Tau noLebo Mothiba bebeyiphethe mantsantsa iNigeria emva – kodwa
uTau akwazanga ukusebenzisa ithuba alifumeneyo ngomzuzu weshumi ngenxa yebhola
embhidileyo esendaweni entle. Abadlali beNigeria bayigqadazelisile iBafana
Bafana amatyeli aliqela – kodwa bakwazile ukufumana igowuli elifakwe nguMothiba
onikelwe ibhola entle nguTau obethe amadoda ebhokisini.

Kwisiqangatha
sesibini, izinto ziye zaguquka kancinci. Abadlali beNigeria khange
bangxamebholeni ngoba into ebibalulekile kubo ibikukuqinisekisa ukuba aBafana
Bafana abalifumani elinye igowuli. UTau uzamile ukutyhoboza amatyeli aliqela –
kodwa ebengade akwazi ukudala amathuba. UThemba Zwane uvale ibhola ebimbi ngentloko
ngomzuzu wamashumi amahlanu anesixhenxe. Kumzuzu wamashumi amathandathu kungene
uThembinkosi Lorch endaweni kaThulani Serero ongabonakalanga kwisigaba sesibini.
Bekucacile ukuba uBaxter ufuna umdlalo oza kugoba iibhola ephikweni futhi afake
nesantya emdlalweni. Iphose elinye ithuba lokufaka igowuli iNigeria emva
kwebhola ebisuka ekoneni. Nangoba iqela likaBaxter belidlala kakuhle futhi
umdlalo walo usiya phambili – kodwa into elinzimeleyo amaxesha amaninzi
kukugqobhoza kubadlali beNigeria emva. Usompempe akayinikanga igowuli lesibini
iNigeria emva kokukhala ngokulalela kwabadlali bayo.

South Africa: Itumeleng Khune, Thamsanqa Mkhize, Thulani
Hlatshwayo, Buhle Mkhwanazi, Sifiso Hlanti, Percy Tau, Hlompho Kekana, Tiyani
Mabunda, Lebo Mothiba, Themba Zwane, Thulani Serero.

Amalalela: Darren Keet, Motjeka Madisha, Innocent Maela,
Teboho Mokoena, Thembinkosi Lorch, Dino Ndlovu, Lebohang Maboe.

Nigeria: Ikechuku Ezenwa, Jamilu Collins, William
Ekong, Balogun Aderemi, Ahmed Musa, Aghenekaro Etebo, Kelechi Iheanacho, Samuel
Kalu, Alex Iwobi, John Ogu, Kenneth Omeruo.

Amalalela: Daniel Akpeyi, Idowu Oladapo, Mikel Agu, Henry
Onyekuru, Isacc Success, Samuel Chukwu, Ajay Adesewo.