Bhum phantsi intente phambi koMphathiswa, konzakala abantu

Bhum phantsi intente kuQumbu inkqubo iqhuba Imifanekiso: Bheki Radebe

Inkosikazi ebizimase umsitho wophuhliso lwamafama eMndeni, kuQumbu, ngenjikalanga yanamhlanje kunyanzeleke ukuba iliqiswe kwikliniki yasekuhlaleni emva kokuwa kwentente ngenxa yomoya.

Esi sehlo sishiye abantu abambalwa bonzakele, emva kokubethwa ziintsimbi zale ntente. Le ntente iwe bhum phantsi phambi kokuba kuthethe uMphathiswa woPhuhliso lwaMaphandle kwanezoLimo eMpuma Koloni, uXolile Nqata.

Ibe nguloo dulubhentsu abantu bebaleka bezama ukusindisa ubomi babo, kuloo ntente iwe kanye xa kungena iqela lomxhentso litshayelela intetho kaNqata.

UNqata uye waxolisa ngokuwa kwale ntente, ebeka igxeke kumnini wentente. “Lo moya ulapha awukho mkhulu kangako, noko ibingafanelanga ukuwa le ntente. Xa sisenza imisitho ezilalini, siye sikhethe ukusebenzisa amashishini endawo. Siphoxekile yile nto,” utshilo uNqata.

UNqata uye waqhuba intetho yakhe noxa nje intente iwile, ekhuthaza amafama ukuba afuyele inzuzo.

Omnye wabo bonzakeleyo, umfama oyinkosikazi uNosabelo Luma waseMjiko kuTsolo, ebelinde iAmbulensi ngethuba ebalisela I’solezwe. “Kubuhlungu apha eqatheni. Ndibethwe yintsimbi ndawa phantsi,” utshilo lo mfama.

Igosa likarhulumente elincokolele I’solezwe lesiXhosa lithi kukho inkosikazi ebisopha emlenzeni ngenxa yokubethwa yintsimbi. Lo nkosikazi ileqiselwe esibhedlele. 

Ngethuba sibhala eli nqaku, bekungekacaci ukuba bangaphi abo bonzakeleyo.