Igqugqise kwitumente yolutsha iBlue Dolphin yazuza indebe

Nangona ingekayifumani inkxaso eyifaneleyo kwindawo zabantu abamnyama – kodwa ibhola yomnyazi iyakhula. Kwiindawo zaseDutywa, abantu abadlala umnyazi bazimisele ukuwugqamisa ngakumbi kunakuqala. Kwinyanga yeSilimela, amantombazana adlala umnyazi aye anyanzelisa ukudlaliswa kwitumente ebibanjelwe kwilali yaseXeni, eDutywa, ngomhla wolutsha kuba efuna ukudlala nwo. Mathathu amaqela womnyazi akwazileyo ukukhuphisana kwitumente ebiseXeni. Indlela adlale ngayo iyancomeka kakhulu. Umgangatho ubuphezulu kwaye iqela ngalinye belifuna ukuphumelela ekupheleni kwetumente. IGqawe, iCandu neBlue Dolphin ngamaqela onwabise ulutsha emidlalweni kutshanje.

Ekugqibeleni, iBlue Dolphin igoduke nendebe ekhatshwe yimali eyiR600 emva kokubetha iGqawe ngo’30-10. Emdlalweni wokugabula izigcawu, iGqawe izibethele iCandu ngo’20-12. Yona iBlue Dolphin iwabethe omabini amaqela ebikhuphisana nawo. Noxa iDolphine iliqela eliselitsha – kodwa abadlali bayo badlale ngathi banexesha elide bendawonye. UKapteni weBlue Dolphin, u-Ayabonga Mthini, uthe impumelelo ezuzwe liqela lakhe iza kubakhuthaza abadlali kakhulu. “Bekumnandi kakhulu ngoba nasebaleni khange kubekho ngxabano. Sonwabile ngoba siphumelele. IGqawe isibilisile kakhulu. Elinye iqela esidlale nalo kuqala nalo likhe lasisokolisa. Likhe lafuna ukuza ngamandla emva kokuyekelela kwethu,” utshilo uMthini.

Yena umqeqeshi weqela, u-Abongile Mqengqeleko, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba wonwabile kwaye bazimisele ukwakha iqela elomeleleyo. “Bazamile abadlali bethu ukwenza kanye ngala ndlela besiyilungiselele ngayo itumente. Zikhona zona iindawo ezifuna ukulungiswa – kodwa ke iqela liselitsha kwaye alinazo izinto zokudlala nokuzilolonga. Sizimisele ukwakha iqela elomeleleyo. Azikho iindawo zokudlalela umnyazi ngoba awuhoywanga. Kuba nzima kengoku nokufumana inkxaso ngenxa yezinto ezinjalo,” utshilo uMqengqeleko.