iKentane United FC egqugqise kwiSAB Amathole iza kulwela ukuya kwiMotsepe League

Iqela lebhola ekhatywayo lakuCentane lizimisele ukulwa ngawo onke amandla elinawo ukuze lifumane indawo kwi-ABC Motsepe League kwiphondo leMpuma Koloni. Oku kulandela emva kokuba iKentane United FC igqugquse kwanto ephambi kwayo kwiSAB League yamaqela esithili sase-Amathole. Ukuba ilinge layo iKentane United FC lingaphumelela, ingaliqela lokuqala kuCentane elikwazileyo ukuya kwinqanaba lebhola labahlawulwayo. Emidlalweni engamashumi amabini anesine kwaSAB League, iqela lakuCentane livale isizini lingabethwanga nakomnye umdlalo.

Lo nto ilinika ithemba kakhulu njengokuba lilungiselela ukuya kwimidlalo yokuxabangela (PlayOffs) eza kudlalwa kwinyanga yeSilimela. Amaqela aphume phambili kwizithili ezisibhozo zaseMpuma Koloni aza kudibana kwinyanga ezayo emidlalweni eza kuba seMaletswai apho aza kuhluzana kuyo kude kushiyeke libe linye eliza kuya kwiMotsepe League kwisizini ezayo. UMnu. Lungile Zamxaka uxelele eli phephandaba ukuba iqela lakhe liyasokola – kodwa liza kuzama ukulwela impumelelo emidlalweni ehlakulela iMotsepe League. “Iqela lethu alithathi ntweni. UCantane yidolophi encinci kakhulu ngoku kunzima ukufumana inkxaso yezimali, utshilo uZamxaka. “Kunzima ngoba abanye babadlali bethu bahlala kwiindawo ezikude kakhulu edolophini.

“Iindleko zokubahambisa kufuneka zijongane neepokotho zethu okanye sibakhangelele iindawo abanokuxhwarha kuzo,” utshilo uMnu. Zamxaka. “Asikwazi ukubayeka nje abantwana ngoba kukho le ngxaki yeziyobisi. Uyakwazi ukushiya umntana ezilalini ekwisimo esihle, ngenye imini udibane naye kuCantane edolophini edlakadlaka ungazi ukuba kwenzeka ntoni. Zonke ezo zinto sizithatha njengezinto ekufanele siqubisane nazo. Singavuya ukuba kungakho abantu abanokusipha inkxaso. Besikhe sabanika ikhefu leveki abadlali bethu. Kodwa babuyele ejimini ngoku. Siza kuzama ukuzilungiselela kangangoko.