ILions iphulukene nezigidi kwiSuper Rugby

Isigqibo esithathwe yiLions sokuthumela iqela lesibini e-Argentina kumdlalo wokugqibela weSuper Rugby, kumdlalo kunye neJaguares, siza kulifaka kwiingxaki zemali eli qela.

NgoMgqibelo ibethiwe iLions e-Argentina kwaye ezi ibi ziziphumo ezingakhange zilindelwe ngabantu abaninzi. Ngenxa yokuphumelela kweJaguares, iHurricanes ikwazile ukuphumelela inkomfa enamaqela aseNew Zealand. ILions ibidinga inqaku elinye lebhonasi ukuze iqiniseke ukuba ingakwazi ukugqiba isizini ihleli kwindawo yokuqala.

Ekuqaleni kwalo mdlalo bekukhangeleka ngathi yonke into iphantsi kolawulo lweLions, kwaye iqela likaJohan Ackermann belihamba phambili ngamanqaku.

Ekugqibeleni iJaguares ide yawuphumelela lo mdlalo ngo’34-22. Lento ithethe ukuba iLions izakugqiba isizini ikwindawo yesibini, kumazwe onke adlala kwiSuper Rugby.

Kulindeleke ukuba eliqela liphinde linyuke iqhina kumdlalo owandulela ophambi kwamagqibela kankqoyi, xa lizakube lidlala neCrusaders. ICrusaders ihlonitshwe kakhulu kuba sele ikwazile ukuphumelela iSuper Rugby amatyeli asixhenxe.

Ukuba ibikwazile ukuphumelela iLions ibizakudlala neSharks, umdlalo ubungasokuze uyinzimele kakhulu.

Imali ibizakuzuzwa yiLions lishumi lezigidi zeerandi, ukuba ibifumene ithuba lokuza kudlalela ekhaya endaweni yokudlala ngaphandle. IHurricanes yiyo ezakufumana le nyhweba kuba igqibe isizini ihleli kwindawo yokuqala.