UThabo Mnyamane liTsatsantsa elipheleleyo

Nangona iqela lasePitoli, i-University of Pretoria, lithe lahlelwa lilishwa lokugecwa lizembe kwisizini ye-Absa Premier Soccer League edlulileyo, kodwa bona abadlali bayo abaninzi bazakuhlala kwinqanaba eliphezulu kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika.

Omnye wabadlali beeTuks obedlala kakuhle nguThabo Mnyamane lo othe wathathwa lelinye lamaqela asePitoli, iSuperSport United. Lo mdlali siswini ngoku uzakudlalela iintshatsheli zeNedbank Cup ukusukela kwisizini entsha ezakuqala ekuphelini kwenyanga ezayo kude kuphele iminyaka emithathu ngokwesibhengezo esenziwe yiSuperSport United.

UMnyamane okhe wadlalela iBafana Bafana ebengundaba mlonyeni kwezi nyanga zidlulileyo emva kokuvakala kweendaba ezithi amaqela amakhulu eGoli afana ne-Orlando Pirates neKaizer Chiefs ebefuna ukumthathela kuwo. Njengokuba iSuperSport United iphulukene no-Enocent Mkhabela ethathwe yiChiefs, ngoku uMnyamane kulindeleke alwele indawo yakhe kwiqela eliluqilima likaStuart Baxter.

Amatsatsantsa a Pitori aqale isizini ka’2015/16 kakubana noko ngenxa yokunqongophala kweziphumo ezincumisayo. Lo nto yanyanzela abalawuli bamgxothe uGordon Igesund owayengumqeqeshi, kodwa ukuchongwa kukaBaxter ekuqaleni kwalo nyaka kuye kwenza umahluko omkhulu ngoba iSuperSport United ivale isizini eziintshatsheli zeNedbank Cup emva kokubetha iPirates kumdlalo wokugqibela ePeter Mokaba Stadium.

Ngoku lo mdlali, unamashumi amabini anesithathu eminyaka, uzakuba yinxalenye yeqela likaBaxter elizakuthi limele uMzantsi Afrika kwiCAF Confederation Cup ekuqaleni konyaka ozayo. UMnyamane ulandela abadlali abafike kwi-United abafana noKeagan Ritchie, Reneilwe Letsholonyane noReyad Pieterse. Kwinyanga ezayo iSuperSport United izakudibana neMamelodi Sundowns kumdlalo weMTN 8.