IMaritzburg ingenza inzuzo entle ngo-Ofori

Amaqela amakhulu aza kutsalana ngaye uRichard Ofori waseGhana odlalela iMaritzburg United umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Abaphathi beMaritzburg United bonwabile emva kokuboqamangela uRichard Ofori kwesinye isivumelwano sengqesho phambi kokusongwa kwesizini ka-2019/20.

Unozinti weTeam of Choice uzingelwa ngamaqela amakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika ekubalwa phakathi kwawo iMamelodi Sundowns ne-Orlando Pirates.

Ekufikeni kwakhe uRichard Ofori ngo-2017 kwiqela laseMgungundlovu, waye watyikitya isivumelwano seminyaka emithathu – kodwa kwabe kukho isolotya elivumela iMaritzburg United yongeze omnye unyaka ukuba iyafuna.

Ngokwengxelo zamajelo eendaba, lo nozinti waseGhana ngokuzalwa uza kuhlala kude kube ngunyaka ozayo.

“Ewe..iMaritzburg igqibe kwelokuba yandise isivumelwano sakhe (Richard Ofori) ngomnye unyaka,” utshilo uHassein Chamseddine, umphathi womdlali. Ngokokutsho kukaChamseddine, iTeam of Choice ibinelungelo elipheleleyo lokwenza nantoni na ngoba isivumelwano besisitsho njalo.

UPitso Mosimane ukhangela indoda enokungena ezihlangwini zikaDenis Onyango njengokuba sele ekhulile.

Omnye woonozinti ekuthiwa ubagxeleshile ngu-Ofori. Nayo iPirates ikhangela indoda enokuthi incedisane noWayne Sandilands.

Ukufunwa komdlali onjengoRichard Ofori, 26, kuzindaba ezimbi nezintle kwiMaritzburg. Kungakubi kuyo ukuphulukana nonozinti osemgangathweni ophezulu njengaye.

Kodwa kwelinye icala, iMaritzburg ingenza imali entle kakhulu xa inokumthengisa.

Njengokuba kusithiwa yandise isivumelwano sakhe ngonyaka omnye – lo nto ithetha ukuthi iqela elimfunayo kwakufuneka lingene nzulu kakhulu epokothweni.

Kunganzima kwiTeam of Choice ukungamthengisi ngoba ayinabo abaxhasi. Inalo ke ithuba lokumfumana iPirates ukuba iyamfuna ngokwenene ngenxa yobuhlobo obukhoyo phakathi kwala maqela mabini.

Phambi kokuqala kwale sizini eqhubekayo, iPirates ithaphule abadlali abaphambili kwiMaritzburg eye yafumana nayo abadlali abathile ngemboleko.