IMIFANEKISO: Ibala elaginya “iR11-million” yaseMbhashe, laqalwa nguTat’ uNgumbela!

Ibala laseDutywa elalizanywa nguTat’ uNgumbela layekwa esithubeni nguMasipala owayefake ishumi elinanye lezigidi zerandi. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

UMnumzana uMthetheleli Ngumbela ongasekhoyo ebengomnye wabantu abambalwa abazibopheleleyo kwezemidlalo nakukhuphuhliso lolutshwa kwezemidlalo. Lo somashishini waseNxukhwebe ngokuzalwa, oneevenkile eziliqela eDutywa naseGcuwa, uswelekele esibhedlela kwiveki ephelileyo emva kokubandakanyeka engozini yemoto.

Emalini ayifumene kumashishini wakhe, ukwazile ukukwakha amabala ukuze ulutsha lulole izakhono zalo. Phakathi kwamabala awakhileyo eDutywa kukho elisecaleni kwendlela (N2) eya eGcuwa. Ekuqaleni kwakhe, walungisa iindawo zokudlalela walibiyela kakuhle emva koko. Ngaphathi bekukho ibala lebhola ekhatywayo nelebhola yomnyazi.

Wathi ke akubona ukuba awakhe amandla aphelile, wacela ukuncediswa nguRhulumente. UTat’ uNgumbela wabhala umbhalo omkhulu ebhodini othi: “Sicela uncedo rhulumente, asimanga siyaqhuba” Wayefuna urhulumente angene alungise amabala abe semgangathweni wale mihla ukuze abantwana beelali zaseDutywa babe neendawo zokudlalela.

Eminyakeni embalwa egqithileyo, umasipala waseMbhashe wabekela bucala imali elishumi elinanye lezigidi zerandi (R11-million) ukuze kuphuculwe ibala njengoko wayecelile uTat’ uNgumbela. Akukho msebenzi ocacileyo owenziwayo ngaloo mali ngaphandle kokuvunduzwa komhlaba ngaphakathi.

Yiyo lo nto uTat’ uNgumbela esweleke ebhale ibhodi enombhalo othi “President Ramaphosa, please come and help us. R11-million is missing. We are in stand still”. Akukho nto yenziweyo ingenye ngumasipala emva kokuphela kweshuli elinanye lezigidi emsebenzini ongacacanga kakuhle.

I’solezwe lesiXhosa liyile ebaleni lafika kukho ugandaganda ovunduze nje umhlaba kwindawo enebala lebhola ekhatywayo. Bekucace gca ukuba ibala lidlelo ngoba zawa nezinto ekwakubiywe ngazo kwezinye iindawo. Akukacaci nokuba ibala lisezakwakhiwa na emva kweminyaka umsebenzi ungasaqhubeli phambili ngokwesicwangciso.