IMpucuko Sport Development inike ithuba iintshatsheli zangomso

Itumente yomdlalo wamanqindi ebiququzelelwe yiMpucuko Sport Development soze ilityalwe ziimbethimanqindi ezisakhulayo. Abantwana abaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesihlanu abaphume kwizithili zeMpuma Koloni bebedibene kwitumente enkulu ebise’Orient Theathre, eMonti, kwimpelaveki egqithileyo. Injongo ephambili ebangele abaphathi beMpucuko Sport benze amatiletile okuhlanganisa iimbethimanqindi ezisakhulayo ibikukuzixhobisa ngolwazi ngomdlalo eziwudlalayo nangeendlela zokuphepha izinto eziphazamisayo ebomini ezifana neziyobisi.

Ngaphezulu koko, ibikukuzinika iqonga ukuze zikhuphisane ngeyona nto eziyithandayo. Yenzekile lo nto futhi yonke into ihambe ngendlela encomekayo ngomhla wetumente ebibanjelwe phezu kolwandle eMonti. Iimbethimanqindi ezilishumi elinambini zikhuphisene emilweni yodidi labangahlawulwayo kwavela iintshatsheli ezintandathu zonke. Umphathi wayo iMpucuko Sport Development, uMnu. Ncedo Cecane, uvakalise uchulumanco olukhulu yindlela izinto ezihambe ngayo emva kwetumente.

Uthe umgangatho wemilo ubuphakamile futhi zonke iimbethimanqindi zifumene ithuba elinqabileyo lokukhuphisana nezinye kwitumente enkulu. Emdlalweni wokuqala, uEndinako Njwabane ubethe uBahle Mpofu ngamanqaku wagoduka eyintshatsheli. UHlela Mehlokwane uphumelele emva kokubetha u-Isiphile Ndlazi. Naye uSimphiwe Base ugoduke encumile emva kokuba ezoyisele uLihle Herman. Naye uMihlali Manya yintshatsheli emva kokuba ezibethele uAyathandwa Tom.

Kanti komnye umlo uElomso Qakancu ubethe uEmihle Golimpi. Emlweni wokugqibela, u-Inam Kekezwa ubethe uEzile Ngcebeshe. “Ndonelisekile kakhulu yindlela izinto ezenzeke ngayo. Ndicinga ukuba umsebenzi owenziwe ziijaji emilweni ubumhle. Iimbethimanqindi zonke zikhwele eqongeni zabonakala ukuba bezizilungiselele kakuhle. Kodwa okungandivuyisa kwilixa elizayo kukubona abantwana bekhatshwe ngabalandeli bamanqindi abaphuma kwiindawo ezisuka kuzo,” utshilo uCecane.