INgilane yenze omnye umtsi kwindebe yehlabathi

Harry Kane (L) of England in action during the FIFA World Cup 2018 round of 16 soccer match between Colombia and England in Moscow, Russia, 03 July 2018. By: YURI KOCHETKOV / EPA

INgilane yenze
omnye umtsi obalulekileyo oyincede yaya kumjikelo olandelayo wendebe yehlabathi
emva kokubetha iColombia ngo’4-3 kumapenela kumdlalo obubanjelwe e-Otkrytie
Stadium namhlanje. Imizuzu engamashumi alithoba iphele iNgilane neColombia zibambene
ngo’1-1 emva kokuba uYerry Mina efake igowuli ngentoko ngomzuzu wokugqibela
emdlalweni. UHarry Kane uphinde wayibeleka iNgilane yakhe ngokuphuma emdlalweni
obunzima namagowuli amabini awafake ngepenela kwaye iya kwiSweden ngoku
inethemba lokuncedwa kwanguye. AmaNgesi angene ephethe iziqwayi zawo ezifana
noHarry noSterling njengesiqhelo – logama yona iColombia iqale umdlalo
ngaphandle komdlali wayo omkhulu, uJames Rodriguez, oye wanyanzeleka ukuba
abukele umdlalo ngenxa yokonzakala.

   Image may contain: 2 people, people playing sports, stadium and outdoor 

Akukho mathuba
angako abonakeleyo kwisigaba sokuqala somdla ngoba ibhola ibidlalelwa
esizikithini sebala. Lo nto ibonisa mhlophe ukuba la mazwe aye emdlalweni ilelo
lingafuni ukuphulukana nomdlalo. Into ebonakele iyingxaki kwiColombia ekubuyeni
kwayo kwisigaba sesibini somdlalo kukudlala kakubi. Usompempe uye wanyanzeleka
ukuba akhuphe amakhadi atyheli amathandathu onke. Nakubeni kunjalo – kodwa iColombia
idlale umdlalo ongcono kwisiqingatha sesibini. Ngokuqinisekileyo iNgilane
iyayivuyela impumelelo – kodwa umdlalo wayo ubungafani nendlela eqhele ukudlala
ngayo kwimidlalo egqithileyo. Igowuli elifakwe nguMina liyibulele ngoba
kwixesha elongezelelweyo ayikwazanga ukudlala ibhola ecacileyo. Into eyincedileyo
iNgilane kukuba iColombia idlalele ukuya kumapenela eyoyiswe kuwo.

ColombiaColombia XI: Ospina, Arias, Davinson, Mina, Mojica, Barrios,
Sánchez, Lerma, Cuadrado, Quintero, Falcao. 

EnglandPickford,
Trippier, Walker, Stones, Maguire, Young, Henderson, Alli, Lingard, Sterling, Kane.