Zisina zidedelana kwindebe yehlabathi eRussia

Kumdlalo wendebe yehlabathi, iSweden ibethe iSwitzerland ngo'1-0 eSaint Petersburg Stadium emalanga namhlanje. Umfanekiso: FIFA World Cup Facebook

Ngoku indebe
yehlabathi isondela kuvuthondaba. Yiyo lo nto amazwe abethiweyo eguduka. Amazwe
afana neSpain, iArgentina, iMexico nePortugal aphumile kwiFIFA World Cup
engathandanga – lo nto isaqhubeka nanamhlanje ngoba kufuneka kuthi kuba ngomso
kube kukho amaqela asibhozo alungele ukukhuphisana kumjikelo wesithathu wendebe
yehlabathi eRussia. Namhlanje iSweden idlulele phambili emva kokubetha
iSwitzerland egolozayo ngo’1-0 kumdlalo obungashushwanga kangako eSaint
Petersburg Stadium emalanga. Igowuli ekuphela kwalo emdlalweni lifakwe ngu-Emil
Forsburg ayikhabe ethe qelele – kodwa ebetheke kuManuel Akanji.

                               Image may contain: 5 people, people playing sports and outdoor

Akukho nto
ingakho ekunobhalelwa ngayo ekhaya eyenzekileyo kwisigaba sokuqala somdlalo
noxa ibikhona imingqandandana yamathuba okubhalisa ebhodini. UMarcus Berg
ulifumene ithuba lokufaka igowuli leSweden ekuqaleni komdlalo – ngelishwa lakhe,
izinto azimhambelanga kakuhle emva kokuba ibhola yakhe iphume ecaleni. Isantya somdlalo
besiphantsi, into ebingalindelekanga xa ubani ejonga indlela adlale ngayo la
mazwe mabini kwimidlalo yawo edlulileyo eRussia. Izinto zijike kwisigaba
sesibini ngethuba iSweden ibhakuzelisa umnatha ngonyawo lukaForsburg kumzuzu
wamashumi asixhenxe anesixhenxe. Umdlali weSwitzerland, uMichael Lang, unikwe
uphum’aphele ngekhadi elibomvu emva kokudlalisa kakubi uMartin Olsson
obesecicini lokufaka igowuli lesibini leSweden.