AmaJapani ohluthwe intlaka isemlonyeni yiBelgium

Marouane Fellaini (L) of Belgium scores the 2-2 equalizer against Japan's goalkeeper Eiji Kawashima (R) during the FIFA World Cup 2018 round of 16 soccer match between Belgium and Japan in Rostov-On-Don, Russia, 02 July 2018. By: KHALED ELFIQI / EPA

Umdlalo obuphakathi
kweBelgium neJapan kwindebe yehlabathi ka-2018 uya kubalwa phakathi kwaleyo
midlalo ethe yeqaqamba. Umdlalo wala mazwe mabini uvelise inqwaba yamagowuli
amahlanu – kodwa akuphelelanga apho ngoba nomgangatho womdlalo ubuphezulu
kakakhulu. Nakubeni AmaJapani ehluthwe intlaka emlonyeni yiBelgium ephumelele
ngo’3-2 kumdlalo obutak’ iintlantsi eRostov Stadium kobu busuku banamahlanje –
ayakuxoliswa yindlela adlale ngayo. IJapan iye emdlalweni incwase ukuzenzela
imbali entsha ngokuthi ibethe iBelgium ukuze idlale kumjikelo wesithathu
kwindebe yehlabathi okokuqala. Elo phupha liphanziswe ngabadlali beBelgium
ababonisileyo namhlanje ukuba abayanga eRussia ukuyokongeza inani.

   Image may contain: 3 people, stadium and outdoor

Isiqingatha
sokuqala siphelile kungekho qela elikwazileyo ukufaka igowuli. Umdlalo ububambene
nakubeni iyiJapan ezamileyo ukukhabela unozinti kwakwimizuzu yokuqala
emdlalweni. Kuthe xa kubuywa kwisigaba sesibini, AmaJapani abonisa ihlabathi
into abhinqe ngayo. UGenki Haraguchi ungcangcazelise umnathi kumzuzu wesithathu
emva kokunikelwa ibhola ayibethe phantsi kukaCourtois ongakwazanga ukuyinqanda.
UTakashi Inui ufake igowuli lesibini kwisithuba semizuzu emine emva kwelokuqala.
Kuye kwanyanzeleka ukuba iBelgium itshintshe indlela yokudlala ngoba AmaJapani
ebedlala ngokuzimisela kuzo zonke iindawo ebaleni.

  Image may contain: 3 people, people smiling, people playing sports, stadium and outdoor

Indlela edlale
ngayo iBelgium kwisigaba sokuqala ibingabonisi ukuba ifuna ukuwuphumelela
umdlalo. Indlela edlale ngayo ayifani naleyo iBelgium eyibonisileyo ukusukela
ekuqaleni kwe-2018 FIFA World Cup ebanjelwe eRussia – kodwa ithe yakubona ukuba
iJapana ikhabela ezipalini, yabona ukuba mayinyuse igiya. UJan Vertonghen ufake
igowuli lokuqala elinike ithemba nelikwatyhale iBelgium ukuba idlale umdlalo
ongcono. UMarouane Fellaini ufake ngentloko igowuli lesibini emva kokudibana
nebhola ebisuka ku-Eden Hazard. Abadlali beBelgium bahlasele bade bavuzwa
ngegowuli ngomzuzu wokugqibela elifakwe nguNacer Chadli. Ngoku iBelgium iza
kuvana amandla neBrazil kumjikelo olandelayo wendebe yehlabathi.

Belgium: Courtois,
Vermaelen, Kompany, Alderweireld, Meunier, De Bruyne, Witsel, Carrasco,
Mertens, E. Hazard Lukaku.

Japan: Kawashima; Sakai,
Shoji, Yoshida, Nagatomo, Shibasaki, Hasebe, Inui, Kagawa, Haraguchi, Osako.