UMwira uphefumla okokuqala ngokufika kwakhe kwiChiefs

ULetlhogonolo Mirwa ngumdlali omtsha weKaizer Chiefs obekade edlalela iBuya Msuthu ekwaNational First Division. Umfanekiso: Kaizer Chiefs Twitter

Umdlali omtsha,
uLetlhogonolo Mirwa, uthi ukufika kwakhe kwiKaizer Chiefs ukufanisa nokuzalisekiswa
kwephupha lakhe elaqala esimncinane ngethuba esengumlandeli wayo. UMirwa ubhengezwe
njengomdlali omtsha weChiefs kutshanje noKhama Billiat no
-Andriamirado Andrianarimanana emva
kokudlalela iBuya Msuthu FC ekwaNational First Division kwisizini egqithileyo. Le
ndedeba isuka kwilali ebizwa ngokuba yiSegakwaneng kufuphi neMoruleng emantla
weRustenburg kwiphondo laseMntla Ntshona. Ekuqaleni kwale veki uMriwa uthethe
okokuqala ngochulumanco analo ngokufika kwakhe eNaturena.

“Ndikhule
ndingumlandeli weChiefs. Kuthe xa kuvela ithuba lokudlalela yona – khange ndithandabuze.
Ukuba yinxalenye yeqela elikhulu yinto enkulu kakhulu kubadlali abasakhulayo
eMzantsi Afrika. Ndiyakholwa ukuba ziimfefe zikaThixo ezenze ndibe lapha ngoba
indlela yam khange ibelula ngenxa yendawo endisuka kuyo. Ndinoosisi ababini (Oreneile
no-Oretshepile) abajonge kum njengobhuti wabo omdala,” utshilo uMwira.

Amakhosi,
asakhangela umqeqeshi oza kungena esikhundleni esashiywa nguSteve Komphela
oqeqesha iBloemfontein Celtic ngoku, asenkampini – apho aphekwa esophulwa
nguPatrick Mabedi obambeleyo kude kubekho umqeqeshi omtsha. Le ndedeba izimisele
ukulisebenzisa ithuba elifumeneyo lokudlalela iKaizer Chiefs kwaye icinga ukuba
ukuzimisela kwayo kukona kuyisebenzeleyo ukuze ibonwe. “Ndidlalo ngokukhulu
ukuzimisela kwisizini edlulileyo. Siye kwimidlalo yokuxabangela (NFD Play-Offs)
– kodwa ngelishwa izinto azihambanga njengokuba besilindele. Ndizimisele
ukulibamba ngezandla zozibini ithuba endilifumeneyo. Ndizimisele ukushiya
umzila apha kwiChiefs,” utshilo uMwira.