Abantwana bafuna ukuphatha!

Siphuma kwinyanga yolutsha. Phakathi kwezinto ezihlala zisenziwa ke ukuphakamisa imicimbi yolutsha lweli lizwe ndiphuma nomba othi ngoku lixesha lokuba ilizwe liphathwe lulutsha.

Ndiyabona ukuba sisithethe sedemokhrasi ukubaxwa kwezinto ukubonisa iinguqu kumaxa esikuwo. Andiyibethisi ngoyaba ke into yokuba ndisoloko ndibona isibaxo nje kusengenzeka ukuba kungenxa yendlela endikhule ngayo nezinto endikhulele kuzo. Ngako oko hleze kuthi kanti akukho nto isisibaxo koko ndim andiwubambi umcimbi.

Amajelo ezosasazo athethe nolutsha olusePalamente ngelizama ukubonisa ukufakwa kolutsha kwizinto ebelukade lungangeni kuzo.

IPalamente ibisoloko iyinto yabantu abadala, ufike besozela ke beyiloo nto. Ngummo womntu omdala ke ukozela nangaliphi na ixesha, kanye oku komntwana.

Kuthe kwakungena ulutsha ke ePalamente yaninzi ingxolo, kwaphela ukulala kubantu abadala. Uyayazi ke ingxolo yabantwana.

Ndike ndibone xa zivaliwe izikolo beseholideyini aba bam, zithi zivulwa ndibe ndinxaphile kukunqanda ndinqandile. Lifike kwanjalo ke kula Palamente ulutsha.

Luthe lusakuthi ulutsha lwasePalamente ngoku lixesha lokuba liphathwe ngabo ilizwe, ndaphelelwa sisibunu ngoko nangoko; ndoyika, ndaphathwa ngumchamo.

Luthe lufuna ukuba ibe lilo isininzi nakula Palamente, abantu abadala bacuthwe. Ndivume ndingavumi, ndisithi ewe mabathathe umhlalaphantsi abantu abadala, ndabe ndisithi kazi sakuba ngabakabani ke thina kusakuba njalo.

Zinkosi, mna ndiyaboyika abantu abatsha, andizenzisi kunjalo nje. Sele ndibone kakubi kwabaninzi endibakhulisileyo phaya ekhaya, ngoku ndinexhala kwaba basakhulayo ndibazeleyo.

Bathe besithi abantu abadala noko maluke luqale luqokelele amava ulutsha ngaphambi kokuba luxhinele ukuphatha ilizwe, lwaphendula ngelithi ipolitiki aliyiqali ePalamente lusuka nayo ezikolweni. Luthe nethi lutsho wandiphatha futhi umchamo, ndenjenjeya ukuya kunyela imichiza.

Kaloku ndike ndamana ndinyuka nomntwana womntakwethu okwela ziko liseGcuwa leWSU, iveki neveki esithi akufundwa bayatoyitoya.

Ziqengqeleke ke iiveki zibe ninzi umntwana engabuyeli esikolweni, esithi kukho oobhonyongo abangavumiyo nesango eliya kumagumbi okufundela. Bathi bakutsho ke aba bantwana xa beqhankqalaza kuphele ukuba ngumfundi kugqame ubundlavini.

Umntwana unkankathe iminyaka engaphezu kwaleyo imiselwe isifundo ngenxa yaloo politiki yasesikolweni kuthiwa ingamava. Ndaza ndakuva simangandini samava!

Zezi zinto ke ezindiphathisa ngomchamo kwakuthethwa ngokuphathwa kwelizwe lulutsha.

Andisathethi ke ngalaa mdlalo bawenza ePalamente ndiwuboniswa yila TV yam, apho ufika bemana ukufunqulelwa phandle kusithiwa bayangxola! Ndixakwe ukuba bayosiphatha njani isizwe xa besamana ukufunqulelwa phandle.

Andikubethisi ngoyaba ukuba bakhona ababhadlileyo kulutsha nabasenokuphuhliswa babe zezi nkokeli bafuna ukuba zizo.

Kodwa izinto ezimbi abazenzayo nkalwana zonke zenza siboyike. Ekuhlaleni sihleli kabuhlungu lulutsha, luhlalele ukusingcutha.

Wakuhlangabezana nomfana ibangase uzibone sele udlule kuye, ayisekho into yokuba ubona indoda yangomso xa ubona umfana.

Umntwana oyintombazana umdlula nokuba sele ecela ukuqatyeliswa ecaleni kwendlela, uxhalele ukuxakana naye akuba engaphakathi enqweleni.

Iintyatyambo zinqabile! Andisathethi ke ngezinto olwenzana zona, ukungaxabisani kwalo luphilisana ubomi bentshontsho!

Maluqale luzilungise ulutsha, lwandule ukufuna ukusiphatha ngokusesikweni. Ayizubantsha into yokuphatha kwabantwana, kudala baphatha.

Bambi bakhokele iintsapho phantsi kweemeko ezahlukeneyo, bambi ziinkokeli nemizekelo ekuhlaleni. Lusekho ulutsha olunjalo.

Kodwa oluya lungenambeko siluboniswa yiTV luxunele kokukokwalo luyasixhalabisa. Sithi kazi luya kuphathiswa isizwe ze sibe ngabakabani na ke thina? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.