Ukufika komqeqeshi kwiChiefs kungayinceda iShell Helix Ultra Cup

Left to right: Siphiwe Tshabalala of Kaizer Chiefs, Bernard Parker of Kaizer Chiefs, Hlompho Kekana of Mamelodi Sundowns and Sibusiso Vilakazi of Mamelodi Sundowns during the launch of the 2018 Shell Helix Ultra Cup presented by SMSA at FNB Stadium, Johannesburg on 28 May 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Abaququzeleli
betumente entsha ebizwa ngokuba yiShell Helix Ultra Cup bacinga ukuba iKaizer
Chiefs ingabhengeza igama lomqeqeshi omtsha – lo nto ingancedisa ekuhambeni
kwamatiki ahamba kancinci emakethe. Iqumrhu elikhokelwa nguBertie Grobbelaar
labhengeza ukusungulwa kweShell Helix Ultra Cup eza kudlalwa ngamaqela amabini:
iKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns eziintshatsheli zePSL. Amatikiti omdlalo
ongomhla we-21 kule nyanga yeKhala athengisiweyo ukuzothi ga ngoku angaphezulwana
kweshumi alamawaka (10 000) kwaye lo nto uGrobbelaar ucinga ukuba
ingaguquka xa iChiefs ingabhengeza umqeqeshi omtsha. Umdlalo uza kudlalelwa
eFNB Stadium.

“Ukhona
umdla ebantwini. Kwiinzame esizenzileyo zokwazisa abantu ngomdlalo ePitoli
naseGoli kuthe gqi le nto yomqeqeshi ongekhoyo weChiefs. Ukubhengezwa
komqeqeshi yiChiefs sicinga ukuba yeyona nto enganomtsalane ibe nefuthe nakulo
mdlalo siwulungiselelayo. Amaqela omabini asezinkampini – kodwa sithethile nawo
ukuze asinike abadlali abathile esiza kujikeleza nabo phambi komdlalo,” utshilo
uGobbelaar.

ICarling Black
Label edlalwa yiChiefs ne-Orlando Pirates ayikwazanga ukubakho kulo unyaka
ngenxa yendebe yehlabathi eqhubekayo kwilizwe laseRussia. Nakubeki inomtsalane
ke ebantwini – kodwa kusoloko kukho isikhalazo esithi kutheni idlalwa ngamaqela
amabini. Kukhangeleka ngathi iShell Helix Ultra Cup ingandiswa kwiminyaka ezayo
ukuze ibandakanye namanye amaqela. Siza kuyijonga indlela ekhula ngayo. Into
esiyifunayo kukwenza into efunwa ngabalandeli bebhola. Sineminyaka emithathu –
kodwa sakubona ukuba izinto zihamba njani,” utshilo uGobbelaar.