Ingxaki ekwiGladAfrica Championship iza kusonjululwa yinkundla

Indebe yeGladAfrica Championship. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Nangona iRoyal AM ivale isizini ikwindawo yokuqala kwiGladAfrica Champions – kodwa ayithwaliswanga isithsaba njengeentshatsheli futhi akukabikho nesiqinisekiso esithi iza kunyukela kwiDStv Premiership kwisizini ezayo. Emdlalweni wokugqibela, iRoyal AM ibambene ngo’1-1 neCape Town All Stars. Kanti yona iSekhukhune United ekwindawo yesibini ingombe iJDR Stars ngo’3-1. Emva kwemidlalo yokugqibela, omabini amaqela abange ngelithi aziintshatsheli. Yalile iPremier Soccer League ukunika iRoyal AM indebe kuba isithi kusekho umba weSekhukhune ongekasonjululwa. Ingxaki yaqala emdlalweni owawuphakathi kwePolokwane City neSekhukhune kwinyanga yoMqungu kulo nyaka.

Ingxelo ithi iPolokwane yophula umthetho wePSL onyanzelisa inani elithile labadlali abangaphantsi kwamashumi amabini anesithathu emdlalweni. Ikomiti yoluleko yoxutha amanqaku amathathu kwiPolokwane – kodwa isimanga, loo manqaku zange anikwe iSekhukhune eyabethwa ngo’1-0 kula mdlalo. Yabhena iSekhukhune. Saphumelela isibheno sayo – kodwa isimanga esenzekayo, iPSL zange iwabale amanqaku wayo amathathu. Kukho loo ngxubakaxaka ekulindeleke ukuba isonjululwe yinkundla emva kokuba iPSL ingazithobelanga iziphumo zenkqubo yesibheno.

Noxa iSekhukhune ikwindawo yesibini – kodwa ithi yiyo efanele ukuya kwiDStv Premiership ngoba inamanqaku amathathu iPSL esawankonyileyo. Asicaci esona sizathu esibangele iPSL ingayiniki amanqaku wayo iSekhukhune. Oku kunyanzele iSekhukhune ibhenele enkundleni ukuze inikwe amanqaku wayo amathathu. Ingqonyela yeSouth African Football Association (Safa), uTebogo Motlanthe, uthe iPSL kufanele isithobele isigqibo esathathwa kwinkqubo yezibheno ngoba esa sigqibo ngeke siguqulwe. “Isigqeba esiphethe iPSL asikwazi ukuguqula isigqibo senkqubo yoluleko. Yinkundla enokuyenza lo nto,” utshilo uMotlanthe.