Inomqeqeshi omtsha iBloem Celtic

Luc Eymael, coach of Polokwane City reacts instructs the players during the Absa Premiership 2016/17 match between Highlands Park and Polokwane City at Makhulong Stadium, Johannesburg South Africa on 12 February 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Alitshoni lingenandaba, ngakumbi kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Emva kokulahla buphuthu-phuthu kukaLuc Eymael njengomqeqeshi wePolokwane City izolo, namhlanje uthe gqi qhaphu kwiBloemfontein Celtic njengomqeqeshi oyintloko. Lo mqeqeshi kuvakala ukuba uyishiye iRise and Shine ngenxa yokungevani ngemiba ethile nosihlalo.

Namhlanje ungumqeqeshi weCeltic ebikade uphantsi kwezandla zamadoda amabini ayekade engabadlali abahlonitshwayo kweli qela – uLehlohonolo Seema noJohn Maduma. La madoda anikwa uxanduva lokunceda iSiwelele emva kokungaqhubi kakuhle ekuqaleni kwale sizini phantsi kukaSerame Letsoaka osele engumqeqeshi weFree State Stars ngoku. ULoc Eymael uzakuhlala kwiCeltic iminyaka emibini, itsho ingxelo ngesivumelwano.

Le ndedeba yenze umsebenzi ophucukileyo kakhulu kwiPolokwane City, kangangokuba iyithathe yayibeka kwindawo yesixhenxe kwiPSL – into engazange yayifumana ukusukela mhla yafika kwinqanaba lePSL. Ngethuba i-Orlando Pirates ikhangela umqeqeshi obeza kungena endaweni kaMuhsin Ertugral – u-Eymael yayingomnye wabaqeqeshi okwakucingeleka ukuba angawelwa ngumqa esandleni.

“Ndiyakuvuyela ukubayinxalenye yeqela elikwixabiso leCeltic nelixhaswa kakhulu ngabalandeli. Ekugalelekeni kwam kweli lizwe, ndalithanda eli qela ngenxa yothando lwabalandeli. Indlela endisebenza ngayo yile: Ndithanda ibhola ephucukileyo. Ndiyibukele iCeltic kwaye ndibabonile nabadlali bayo – badinga nje ukuboniswa kwiindawo ezithile nenkuthazo ukuze bakwazi ukuphumelela imidlalo kwakhona,” utshilo umqeqeshi.

“Sibenentlanganiso nomqeqeshi eGoli ngentsasa yanamhlanje. Sabelene ngezinto esizifunayo, sevana ngayo yonke into – uzibopheleleyo ngokupheleleyo kwiCeltic,” utshilo uMandla Tshabalala, igqwetha leCeltic.

Ngomso lo mqeqeshi mtsha uzakuyibukela iCeltic xa idlala umdlalo weNedbank Cup neBuya Msuthu. Eyona nto ekufuneka u-Eymael kwiqela lakhe elitsha kukuyisusa engozini yezembe njengokuba ihleli kwindawo yeshimi elinesithathu.