Iqale kakuhle iDowns kwiChamps League!

Denis Okot of Kampala City challenges Tebogo Langerman of Mamelodi Sundowns during the CAF Champions Legue match between Mamelodi Sundowns and Kampala City on the 10 March 2017 at Lucas Moripe Stadium © Sydney Mahlangu/BackpagePix

Amagowuli amabini afakwe ngabadlali basemva, uBangaly Soumahoro noRicardo Nascimento, ngawo ancede iMamelodi Sundowns ukuze ibethe iKampala City Council ngo’2-1 kumlenze wokuqala weCaf Champions League, eLucas Moripe Stadium, namhlanje.

Amasandawana atsazise igazi kuqala ngomzuzu wesibini umdlalo uqalile. UBangaly ufake igowuli ngentloko esendaweni emxinwa emva kokufumana ibhola entle ebigotywe nguTebogo Langerman ekunxele. Ngomzuzu wesihlanu iSundowns ifumene ipenela ethe yavalelwa emnatheni nguNascimento ngenxele lakhe eliqeqeshiweyo. Emva kokufakwa kwalo magowuli, iKCC iye yazama ukuyibamba iDowns ukuze ingafaki amanye amagowuli. Nangona iSundowns ibiwulawula umdlalo – kodwa ayikwazanga ukugqobhola sade saphela isiqingatha sokuqala.

IiBrazilians ziqale apho beziyeke khona kwesokuqala isiqingatha, kwakhona ayikwazanga ukudiliza udonga lwasemva leKCC. Umdlali owaziwayo kwilizwe lase-Uganda, uSerunkuuma, ungcangcazelise umnatha kwisiqingatha sesibini. Ngalo ndlela iqela lakhe lifumene igowuli elibalulekileyo kude nekhaya. UPitso Mosimane, obefuna iqela lakhe ligalele amagowuli kakhulu xa lidlalela ekhaya, ebejongeka njengomntu ongenelisekanga yindlela abadlali bakhe abawuphethe ngayo lo mdlalo.

UPercy Tau ukhutshiwe, indawo yakhe ithathwe ngu-Anthony Laffor – ozamileyo ukuhlasela ngaphandle kwempumelelo. Njengeentshatsheli ezikhuselayo kwiCaf Champions League – iDowns kufuneka ifumane igowuli nakanjani xa ityelele e-Uganda kumdlalo wesibini. Nakubeni iKampala City ikwazile ukuyibamba iSundowns kulo mdlalo – kodwa akubonakali ngathi inawo amandla okuyoyisa konke konke.

Mamelodi Sundowns: Sandilands, Ngcongca, Nascimento, Soumahoro, Langerman, Kekana, Mabunda, T.Zwane, Morena, Tau, Castro.

Kampala City Council: Ochan, Okot, Kavuma, Awany, Ochaya, Ntege, Kirabira, Mutyaba, Musamali, Majwega, Serunkuuma.