ITornado ivuthulule iBuffalo ngamathandathu!

Umdlalo obunika kakhulu nobubukelwe ngabantu abaninzi namhlanje ubuphakati kweTornado FC nabakhaya bayo iFC Buffalo, eNorth End Stadium. Umfanekiso: Zenande Maqhubela

North End – ITornado FC ivuthulule abakhaya bayo iFC Buffalo ngo’6-1 kumdlalo we-ABC Motsepe League obutshisa eNorth End Stadium ngale njikalanga yanamhlanje. Umdlalo ubunika umdlalo ngeyona ndlela ingathethekiyo ngoba xa kudibene la maqela kubangathi kudibene iNgwe neNgonyama – kwaye lo mdlalo utsale abalandeli abangaphaya kwekhulu.

Amagowuli weTornado afakwe nguSherwin Smith amathathu, uGeneral Ntobongwana, uCharles Gallagher noMandilakhe Mlota. Elokubika ekhaya kwiBuffalo lifakwe nguMzwandile Cisiea. Isiqalo somdlalo besisihle kakhulu, omabini amaqela abonisile ukuba adlalela ukufumana amanqaku apheleleyo ekupheleni komdlalo.

YiTornado kodwa enkqonkqoze kuqala kwade kakabini – ngelishwa layo abadlali beBuffalo bakwazi ukuzinqanda ezobhola bezize kakubi. Abadlali beTornado abafana noSmith, uThobile Mkhize, u-Anda Linose noKaleho Motloung nenze umsebenzi oncomekayo kulo mdlalo ngokuthi bawulawule umdlalo esiswini futhi bebehlasela xa kuvela amathuba besebenzisa amacala onke.

Iyisebenzele ke lo nto iTornado ngoba ikwazile ukufumana igowuli kwangoko kulo mdlalo. Ibingadlali kakubi konke konke nayo iBuffalo, ithe yakufumana igqowuli lokulinganisa elifakwe nguMzwandile obekhathazakakhulu ngomzuzu we-29 yabonakala ibuyela emdlalweni. Iwulawule umdlalo – kodwa iye yohlwaywa yiTornando kanye phambi kokuya kwixesha lokuphumla ekuyiwe kulo ihamba phambili ngo’2-1.

Kwisiqingatha sesibini, iTornado FC, yiyo elawule umdlalo kwade kwasekuqgibeleni. Umdlalo wayo ubumhle ngoba ubukhatshwa yimvula yamagowuli. IBuffalo ibethwe kukungakwazi ukudlala into ecacileyo xa ingena kumdlalo weTornado. Amatyeli aliqela abadlali bayo bakhabele iibhola phezulu phambi kweempondo zeTornado.

Umqeqeshi weTornado uyivuyele impumelelo ezuzwe liqela lakhe – kodwa ngoba iqela lakhe belidlala neqela ebelivuma – uthi bekufaneluba babuye namagowuli amaninzi ngaphezulu kweliwafumeneyo. Le mpumelelo izakuyinceda iTornado kwiinzame zayo zokufumana indawo yayo phaya phezulu kwiMotsepe League nangona ukhuphiswano phakamaqela aphambili afana neFuture Tigers ne-EC Bees lunzima kakhulu kule isizini.

Komnye umdlalo kwakweli bala linye, iSwaraji izibethele iPrides ngo’3-1 kumdlalo obumhle kakhulu kulo ngqatsini yelanga laseMonti namhlanje.