IPirates intywilisele iChippa United yabuyela kwindawo yesibini!

URonald Pfumbidzai weChippa United noKabelo Dlamini we’Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership obuseNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, namhlanje. Umfanekiso: ©Deryck Foster/BackpagePix

Bancumile abalandeli be’Orlando Pirates emva kokuba liqhube kakuhle kwakhona iqela labo emdlalweni wanamhlanje. Ezimnyama zinyathele iChippa United ebethwe ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obumhle eNelson Mandela Bay Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Ukuphumelela kwePirates emdlalweni wanamhlanje kuthetha ukuthi ibhukuqe iSuperSport United kwindawo yesibini ekuliwa ngayo ngamaqela amathathu. Kwelinye icala, iChippa United isecicinii lokuthotyiselwa ngoba ngoku ishiya iMarumo Gallants, esemsileni weDStv Premiership, ngamanqaku amathathu kuphela. Ukuba iMarumo Galants ingayibetha iKaizer Chiefs emdlalweni wanamhlanje, ingalingana ncamashi neChippa United ngamanqaku.

Njengeqela ebelidlalela ekhaya, iChippa United iphantse yatsazisa igazi kuqala emdlalweni. UBrooklyn Poggenpoel uphantse wayonzakalisa iPirates ngebhola ebisuka ekoneni – kodwa ngelishwa lakhe, iphume ecaleni kwepali. Ibhakuzelise umnatha nyhani yona iPirates ngebhola efakwe nguKabelo Dlamini – ofumene ibhola ebigotywe kakuhle nguMonnapule Saleng obedlalelwe nguThembinkosi Lorch kwicala lasekunxele. Phambi kokuphela kwesigaba sokuqala, uLorch ufake igowuli lesibini lePirates emva kwebhola entle kakhulu ayinikelwe nguPaseka Mako obedlala esiswini. Ekuqaleni kwesigaba sesibini somdlalo, uKurt Lentjies wenze iinguqu ezimbini enethemba lomdlalo ophucukileyo emva kokucinezelwa kweqela lakhe kwisigaba sokuqala somdlalo.

Ufake uAzola Ntsabo noRonaldo Maarman, wakhupha uJanovane September noRonald Pfumbidzai. Iqhubele phambili iPirates nokulawula umdlalo. Umdlalo weChippa uye wangcono kwisigaba sesibini kakhulu – kodwa into engakwazanga ukuyenza kukufumana igowuli. Belikhona ithemba ngathuba lithile sekusondela isiphelo somdlalo – kodwa ke, ibhola kaEtiosa Ighadaro ebinzima iye yachithwa nguSipho Chaine obekhe wangumdlali weChippa United kwiinyanga ezidlulileyo. Ngoku kunyanzelekile iqela laseMpuma Koloni liyiphumelele yonke imidlalo yalo ukuze lisinde ezembeni xa kuphela isizini ekupheleni kwale nyanga. Ihleli kwindawo yeshumi elinesine kwaye ayikaphumeleli mdlalo ukusukela oko uKurt Lentjies ongene ezihlangwini zikaMorgan Mammila owathatha iintambo kuDaile Klate ekuqaleni kwesizini kunyaka ophelileyo.