IPondo Chiefs ifumene iziqwayi phambi komdlal’ omkhulu

IBizana Pondo Chiefs ifumene iziqwayi zabadlali ababini ababalulekileyo. Abo badlali nguNkosingiphile Phewa noKyle Keith Davies abakhe badlalela iGolden Arrows. Bobabini abadlali kulindeleke babekhona xa iPondo Chiefs idlala eKing Zwelithini Stadium kwiveki ezayo. UDavies, ongumdlali wasemva, uthe uzimisele ukuyinceda iPondo Chiefs esatsala nzima kwiGladAfrica Championship emva kokunyuselwa ngo2020.

“Iqela endisuka kulo yiGolden Arrows. Nakanjani, ndijonge ukudlalela iPondo Chiefs ndiyincede nangamagowuli. Ndikungxamele ukudlala,” utshilo uDavies. Yena uPhewa, ongumdlali oyifolosi, uthe ufuna ukugxila kwicala lokufaka amagowuli. “Ukudlalela iGolden Arrows kundinike amava nokuzithemba njengomdlali. Ndifuna ukudlala ebaleni ukuze ndikwazi ukunceda iqela lifake amagowuli,” utshilo uPhewa.

Kwiveki ephelileyo, iPondo Chiefs ibuye isophisa eNtshona Koloni – apho ibethwe ngo’1-0 yiCape Umoya FC. Ukubethwa kweChiefs kubaphoxile abaninzi ngoba kwenzeke emva kokuba ibifumene iziphumo ezihle, ibetha iCape Town Spurs ngo’3-0. Ngoku ithe ngcu kwindawo yesibini ukusuka emsileni emva kokudlala imidlalo esibhozo.

Ngomhla wamashumi amabini anesine, iChiefs iza kwamkela iTS Sporting, ehleli kwindawo yeshumi elinanye emdlalweni weGladAfrica ekunyanzelekileyo iwuphumelele ukuze isuke endaweni embi ekuyo ngoku. Emva kokubethwa kwiveki ephelileyo, umqeqeshi weChiefs, uTshepo Motsoeneng, ucatshulwe ngamajelo eendaba njengokhalazela indlela embi abayiphatha ngayo imidlalo oosompempe. Ukufika kwabadlali ababini abanamava, kuza kuwenza khaphukhaphu umsebenzi wakhe.

Imidlalo yeGladAfrica:

Lwesihlanu: Cape United vs Sekhukhune, 13:15

Mgqibelo: Uthongathi vs Steenberg, JDR Stars vs Richards Bay; Jomo Cosmos vs Pretoria University; Cape Town Spurs vs Cape Town All Stars; Free State Stars vs Polokwane City.

Cawa: Royal Am vs Pretoria Callies; Bizana Pondo Chiefs vs TS Sporting