Iqokelele amanqaku amathathu okokuqala iChippa United

Eric Tinkler Umfanekiso: BackpagesPix

IChippa United izuze amanqaku amathathu okokuqala kule sizini emva kokubetha iBaroka FC. Igowuli exoxisileyo elifakwe nguAndile Mbenyane linike iChippa United impumelelo ka’1-0 we-Absa Premier Soccer League obuseSisa Dukashe Stadium namhlanje emalanga. IChilli Boys iwuqale kakuhle umdlalo ihlasela, umdlali ngasemva uFrederic Nsabiyumva ungquba ibhola ekhutshwe emgceni nguKgeotyane Matome – emva koxinizelelo ebelifaka yiChippa United kwimizuzu yokuqala. Ngomzuzu weshumi, uphinde wanqonqoza kwakhona uNsabiyumva kodwa usompempe uye wakhala emohlwaya ngokuphazamisa unozinti weBaroka.

IBaroka ifumene ithuba ngomzuzu weshumi elinesithathu emva komdlalo omhle wephiko layo uMpho Kgaswane, kodwa wasebenza kwakhona uNsabiyumva. Ihlasele ngamadla kwakhona iChippa, uKurt Lentjies uwiswe kwimhlaba kanozinti kumhlanba kodwa usompempe ukhethe ukohlwaya uLentjies. Lo nto ibakhalisile abalendeli. Ukuba ebengawaphosanga amathuba amabini uMark Mayambela, iChippa ngeyiye kwixesha lokuphumla ihamba phambili. Lizamimile nalo iqela laseLimpopo ukuhlasela – kodwa lithintelwe nguDaniel Ekpeyi. Umonzakalo ofunyenwe nguTalent Chawaphiwa ngomzuzu wamashumi amathathu enesihlanu unyanzelise ukuba akhutshwe kufakwe Makgantai Onkabetse. IBaroka iphinde yenza olunye utshintsho kumzuzu wamashumi amane ananye, ikhphe ifolosi Colline. Emva kwelo tshintsho ifolosi yeChilli Boys, uAndile Mbenyane, uphose elinye ithuba ebelilihle emdlalweni.

Ahlaselene omabini amaqela kodwa siphele isiqingatha sokuqala enkonye amaqanda amabini. Zisiqale ngesantysa esiphezulu esesibini isiqingatha iiChilli Boys kodwa uMbenyane udlale ngethuba. Ebengoyena oxakekileyo kwisiqingatha sesibini unozinti weBaroka, uvale ibhola kaMayambela isiya emnatheni. Umqeqeshi weChippa, u-Eric Tinkler, wenze utshintsho lokuqala ngokukhupha uDaine Klate, endaweni yakhe ufake uThabo Rhakale. URhulani Manzini ungene endaweni kaLentjies kumzuzu wamashumi amathandathu anesibhozo. Uphinde wenza adume ngazo uMbenyane ngethuba ethatha ibhola eyixhoma phezu kweepali nangona ukuyisa emnatheni bekukhangeleka iyinto elula.

Ungquzulwano phakathi kukaNsabiyumva nonozinti weBaroka uChipezeze liwuphazamisile kancinci umdlalo. UDaniel Akpeyi uyisindise emlonyeni wengonyama iChippa United emva kwentloko kaKgasangwe ibikhangeleka isiya emnatheni. Emva koko uMark Mayambela udlale ngethuba. Igowuli emdlalweni lize kumzuzu wamashumi asibhozo anesithathu lifakwa nguMbenyane – kodwa liye laxoxisa. Ngoku iChippa United inamanqaku amane emva kokuzuza impumelelo yayo yokuqala kule sizini.