‘Inkunkuma ayidali misebenzi, ibulala uqoqosho’

Abasebenzi bakwaCoca Cola becoca iEastern Beach

Kukho uluvo kubantu abathile, lokuba xa ulahla into endala naphi na apho uthanda khona, ubangela ukuba kudaleke imisebenzi kwabo bachola inkunkuma. 


Kodwa oku kuyaphikiswa nguNosifundo Skweyiya, wecandelo elijongene nokucholwa kwenkunkuma kumasipala ombaxa iBuffalo City.


“Masiyiyeke le nto ithi xa ulahla inkunkuma nokuba kundawoni uncedisa ekudaleni imisebenzi. Ukulahla inkunkuma nokuba kundawoni kubangela ukufunquka kwamaqondo obushushu ehlabathi nto leyo enefuthe kwindalo, ngokomzekelo imbalela. Yonke le nto ibuya iqhwalelise uqoqosho,” utshilo uSkweyiya.

USkweyiya ebethetha neqela labasebenzi bomzi weziselo ezingenagwele iCoca Cola Beverages South Africa, abebephume ngobuninzi babo becoca kulwandle iEastern Beach eMonti ngoLwesihlanu. 

AbakwaCoca Cola benze eli nyathelo ngelokuqaphela usuku lwehlabathi lokucoca amanxweme olwandle (International Coastal Cleanup Day) olubanjwa rhoqo ngomhla weshumi elinesihlanu kweyoMsintsi.

USkweyiya uqhwabele izandla inyathelo elenziwe ngabakwaCoca Cola, esithi oku kuza kubangela nabanye abantu babone ukuba ucoceko lwendalo luxanduva lomntu wonke.

Umanejala wesithili kwaCoca Cola Beverages South Africa eBuffalo City, uAllan Long, uthi bagqibe kwelokucoca iEastern Beach kuba yenye yeendawo ezingacocekanga eMonti, kodwa ethandwa kunene ngabakhenkethi nabo bezoyolo.

ULong uthi inkampani yabo yenza iimveliso ezibangela ungcoliseko lwendalo xa abantu bengasebenzisi imigqomo yokulahla inkunkuma, watsho esithi le nkampani ifuna ukwenza iimveliso ezingazukuba nefuthe kungcoliseko lwendalo ngonyaka ka2020.