‘Kundincedile ukusebenza nabaqeqeshi abohlukeneyo’

Omnye wabadlali beChippa United abenze umsebenzi oncomekayo kule sizini nguAbel Mabaso.

Lo mdlali wafika wabethelela indawo yakhe eqeleni kwangomhla wokuqala wakhe.

UMabaso wagaleleka kwiChippa phambi kokuqala kwesizini emva kokutyikitywa nguDan “Dance” Malesela owagxothwa ngokukhulu ukungxama emva kwebathwana lemidlalo kule sizini.

Indawo kaMalesela yathathwa nguTeboho Moloi oye wagxothwa naye emva kwemidlalo eliqela, iqela lingaqhubi kakuhle. Kumnandi enkampini yeChippa United ngoba iqinisekile ukuba iza kuhlala kwiPSL.

UMabaso ngomnye wabadlali abaqinisekise ukuba lo nto iyenzeka nangona besebenze phantsi kwabaqeqeshi abaliqela.

Bonke abaqeqeshi beChippa basebenzise uAbel Mabaso njengentsika yeqela ngenxa yokuthembeka kwakhe nokuzimisela emsebenzini wakhe.

Nakubeni kunjalo, le ndodana ivumile ke kambe ukuba bekungelulanga ukusebenza nabaqeqeshi abohlukeneyo noxa kubekho ukufunquka emdlalweni yawo.

“Sisebenze nabaqeqeshi abathathu kule sizini. Lo nto indincedile mna ngoba ndifunde ukusebenza nabantu abaneendlela azingafaniyo zokusebenza. Kube kuhle kum ngoba kule sizini ndikwazile ukuncedisa abanye abadlali nokufaka amagowuli aliqela,” utshilo uMabaso.

Lo mdlali, owayefudula edlalela iAjax Cape Town, uthi ebomini bakhe njengomdlali webhola ekhatywayo uqamele ngezinto ezintathu: indlela azibona ngayo izinto, indlela azilolonga ngayo nendlela adlala ngayo ebaleni.

UMabaso uthi akazikhathazi ngezinye izinto angenalo ulawulo lwazo. “Ingqondo yam ndiyibeka kwizinto endikwaziyo ukuzenza. Zonke ezingaphaya kwamandla wam andizihoyi.”

Le ndedeba yaseThekwini ithi ukudlala rhoqo yeyona nto ibiyifuna kule sizini kwaye izimisele ngokuthi gqolo isebenza ngokuzimisela ukuze ifikelele kwindawo efuna ukuba kuyo ebomini bayo. IiChilli Boys ziya kumdlalo wokugqibela eLimpopo – apho ziza kudibana nePolokwane City.