Kungene indoda yaseJamani endaweni kaRhulani Mokwena!

Josef Zinnbauer is the new coach of Orlando Pirates. Photo: @OrlandoPirates via Twitter

Kugqityiwe,
i-Orlando Pirates inomqeqeshi omtsha ukusukela namhlanje! Oku kwenzeke ngethuba
isazisa uJosef Zinnbauer njengendoda eza kuqeqesha iPirates iminyaka emithathu
yonke. UZinnbauer, 49, waseJamani, ungena endaweni kaRhulani Mokwena obekuthiwe
uza kuba ngumqeqeshi kude kuphele isizini. Abaphathi bePirates bafaka uMokwena
edyokhweni buphuthuphuthu emva kokuhamba kukaMilutin “Micho” Sredojevic oye
wayokuqeqesha iZamalek yaseYiphutha ekuqaleni kwesizini. “Lo ngumqeqeshi
esinaye unazo zonke izakhono kwaye uyalelwe ukuba aphumelele ngokusebenzisana
nabanye abanty. Unikwe uxanduva lokuqinisekisa ukuba abadlali beqela basebenza
ngokubambisana futhi iingqondo zabo bazibeka kweyona nto ebalulekileyo. Ndinethemba
lokuba uZinnbauer uza kuyitshaya isaqhuma kwaye simnqwenelela konke okuhle
emsebenzini wakhe,” utshilo usihlalo wePirates, ugqirha Irvin Khoza. UMokwena uza
kuqhubela phambili nokuqeqesha ade afumane isiqinisekiso sokusebenza eMzantsi
Afrika umqeqeshi omtsha.