Liqaqambile ikamva likaSimanga embhoxweni

UMaliviwe Simanga unekamva eliqaqambileyo kwakhona embhoxweni emva kokudlalela iWalter Sisulu University kwimidlalo yeVarsity Shield.

Xa izinto zingahambi kakuhle ebomini kulula ukuthezeka amandla, kwenzeka lo nto kuMaliviwe Simanga – kodwa ke ngoku ubulela ithuba alifumeneyo lokuvuselela ikhono lakhe lokudlala umbhoxo.

Le ndodana, 25, yelali yaseMzantsi, eQonce, ijonge ukwenza ezibukwayo embhoxweni emva kokuzenzela igama kwiVarsity Shield kutshanje.

USimanga uzibonakalise kwiqela lombhoxo laseWalter Sisulu University elambona edlalela iGinsberg Rugby Club.

Umbhoxo yinto awayeyithanda uSimanga kwasekukhuleni – kodwa wafikelwa kukutyhafa emva kokuchongwa kweentanga zakhe eDale College.

Kuthe ke xa kuvela ithuba kwakhona, uSimanga walibamba ngezandla zozibini nakubeni kwakukho ukuthandabuza.

“Phaya ngo2016, ndabonwa ngabaqeqeshi beWalter Sisulu ndidlalela iqela laseGinsberg kwitumente eyayiseFort Hare.

Landinika ithuba elihle kakhulu iqela laseGinsberg. Ndaye ndabizwa nguSoso (owamncedayo wavuselela isakhono sakhe sombhoxo) owathi mandidlalele iqela lakhe.

Mna bendingawuhoyanga umbhoxo. Ndatyhafa emva kokushiywa zintanga zam endandifunda nazo eDale College.

USomila Kiva wathi mandize kwiqela lakhe elandinceda kakhulu.

Ndibonile ukuba mandizimisele apha embhoxweni ngoba ndiyabona ukuba uThixo undinika elinye ithuba – kodwa nangapha esikolweni ndingayekanga,” utshilo uSimanga.

Emva kokuchongelwa kwiVarsity Cup yedwa kubadlali abebedlala kwiVarsity Shield, uSimanga ufunwa ngapha nangapha emva kokudlala umdlalo ophucukileyo kwiVarsity Shield – kodwa akazimiselanga kuthatha isigqibo msinyane ngoba akafuni sikhabane nezifundo zakhe.

“Ibindiphethe kakuhle kakhulu iVarsity Shield. Andifuni ukuxoka, ndaziwe ngabantu abaninzi ngenxa yayo.

Ayavela amathuba okudlalela amanye amaqela kodwa andikafuni ukuchaza amagama amaqela andifunayo ngoba kukho izinto endisaziqwalaselayo,” utshilo uSimanga.

“Ndisayifihla kancinci lo nto ngoba andikasithathi isigqibo ngoba andifuni kujonga calanye.

Andifuni kuzibophelela kakhulu kwicala lombhoxo okwangoku ngoba ndisengumfundi apha eWSU – ndifuna ukugqibezela izifundo zam.

Emva koko, ndingajonga umbhoxo ngenye indlela. Ndiye ndanethamsanqa lokuchongwa kwiqela labadlali abalishumi elinesine.

Ibe ndim ndodwa ochongiweyo kwiVarsity Shield. Yinto enkulu kakhulu,” utshilo uSimanga.