Pakade: Eyona nto embi yile yenziwa nguBobby Motaung

PHILA PHAKADE

Umlandeli weKaizer Chiefs uncokole neli phephandaba alincokolele ngendlela awaqala ngayo ukuba ngumlandeli webhola ekhatywayo. Indedeba yaseMdantsane iyithanda kakhulu iChiefs – kodwa ithi zikhona izinto ezifunwa ukulungiswa.

Pedro Mapelo: Molo Mhlekazi, unjani?

PHILA PHAKADE: Ndiphilile Bhuti, unjani wena?

PM: Kuhle. Ngokufutshane nje, ungubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguPhila Phakade, ndihlala kwaNU 1 apha eMdantsane. Ndingumlandeli weKaizer Chiefs.

PM: Nceda usibalisele, kwenzeka njani ukuze ulandele Amakhosi?

Phila Phakade: Ndaqala ngeza ntsuku yayibizwa ngokuba yi-Iwisa Kaizer Chiefs. Lo nto yaphenjelelwa nguBhuti wam owayengumzobi. Njengokuba abantu babencamathisela imifanekiso yabadlali ezincwadini zabo – mna ndandisebenzisa ezotywe nguye. Into yokuthanda iChiefs isukela apho kulo mizobo yakhe.

PM: Yintoni ongasoze uyilibale ngeChiefs ngoku ungumlandeli wayo?

PP: Ndisakhalela uStuart Baxter nangoku ngoba ngoyena mqeqeshi owandivuselelayo njengomlandeli weChiefs. Ngokuya bekukho yena ukwazile ukuyifunqula iChiefs kwaye wayenendlela yakhe yokukhuthaza abadlali. Eyona nto imbi yile siyenziwa nguBobby Motaung yokungathengi abadlali abasemgangathweni. Ikhona imali kwiChiefs – kodwa akafuni ukuyisebenzisa.

PM: Ucinga ukuba iza kuqhuba njani iChiefs kule isizini?

PP: Alikho tu ithemba kwiChiefs kusekho uSteve Komphela. Wolulelwe intambo kangangoko – kodwa kunzima. Kungangcono kwiChiefs ukuba kungahamba yena.

PM: Ngubani oyena mdlali omthandayo kwiChiefs?

PP: YohnguSiphiwe Tshabalala. Lowo ngumdlali othembekileyo futhi owenze izinto ezinkulu ngoku asebenzisa inyawo elinye xa edlala.