UBaliti weSuperSport United ufunwa ngamanye amaqela akwiPSL!

Aphiwe Baliti. Umfanekiso: Uthunyelwe

Njengokuba isizini yePremier Soccer League ka2023/24 isondela esiphelweni, abadlali abaninzi sebeqalile ukukhangela amaqela amatsha abanokuwadlalela. Abanye abadlali bahamba kuba kuphele izivumelwano zengqesho – kodwa abanye bakhangela iindawo ezingabanceda ngokubanika amathuba okudlala. Phakathi kwabadlali abanethemba lamathuba amatsha kukho uAphiwe Baliti (22) odlalela iSuperSport United kule sizini. UBaliti udlale imidlalo embalwa kakhulu kwiSuperSport United.

Njengokuba uGavin Hunt engumqeqeshi odume ngokunika abadlali abasakhulayo amathuba okudlala, akubanganjalo kuBaliti – kodwa inkampu yakhe isenalo ithemba lokuba uza kulifumana ithuba lokudlala kakhulu kwiSuperSport United. Le ndedeba yaseGeorge, kwiphondo leNtshona Koloni, yabhaqwa ngumanejala wayo uSibusiso Madolo oyintloko yeSbu Sport Agency ngonyaka ka2017. Ukhe wadlala kwiABC Motsepe phambi kokudlalela Amatsatsantsa kwiMultiChoice Diski Challenge.

UBaliti ngumdlali odlala emva enxele – kodwa okuhle kukuba uyakwazi ukudlala iindawo ezahlukeneyo. Nakubeni edlaliswe emidlalweni yeCAF kutshanje nguHunt – kodwa inkampu yakhe isenalo ithemba lokuba uza kulisebenzisa ithuba anokulinikwa kwakhona. “UBaliti ngumdlali onetalente kakhulu. Udlala kakuhle kakhulu, ulinxele elikwazi ukugoba iibhola eziyingozi futhi usebenza ngokuzimisela xa ethe wanikwa ithuba,” utshilo uMadolo ethetha neli phephandaba kutshanje.

Abasemfuthweni wolwazi bathi akhona amaqela ebhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu abonakalise umdla kuBaliti. Ukudlala kwakhe imidlalo yeCAF kuko kuxhokonxe umdla wamaqeleni amfunayo. “Ukunyuselwa kwakhe kwiMDC nokudlala kwiCAF kunike ithemba abadlali abaninzi apho azalwa khona. Ndinethemba lokuba uza kufumana amanye amathuba kwiSuperSport ukuze abonwe nakwiqela lesizwe (Under-23). Kuluvuyo kum ukumbona edlala ngoba ndineminyaka esibhozo yonke ndisebenza naye,” utshilo uMadolo.