UValashiya uzibona ekwinqanaba eliphezulu kwiminyaka ezayo!

Anathi Valashiya evuyela ukufumana imbasa eGcuwa. Umfanekiso: Pedro mapelo

Umfundi waseWalter Sisulu University (WSU), uAnathi Valashiya, uchiphize iinyembezi zovuyo emva kokufumana imbasa njengomncedisi kasompempe oqaqambileyo. Oku kwenzeke emva kokusongwa kwetumente enkulu athathe inxaxheba kuyo ekuthiwa yiNozulu Youth Legacy Cup. Nakubeni iyitumente eneminyaka emibini – kodwa sekuthethwa ngayo kakhulu ngenxa yomgangatho wayo ophezulu phantsi kwesandla sikaLuxolo Matikinca onguMphathi weSekhukhune United – owayisungula ukuze avulele ulutsha amathuma.

Eqala nje ukunikwa kwakhe ithuba lokuba ngumncedisi kasompempe, uValashiya (20) waseMount Fletcher uye wazibonakalisa. Lo nto ibonisile ukuba unekamva elihle ekuphatheni imidlalo, ngakumbi emva kokufumana inkuthazo kusompempe owaziwo olinenekazi, uAkhona Makalima. “Ukuthatha inxaxheba kwitumente enjengale yinto enkulu kakhulu kum ngoba iza kundivulela amathuba. Bekumnandi ukuthetha nokufumana inkuthazo kubantu abafana noMakalima noXola abaphatha imidlalo yakwaPSL,” utshilo uValashiya okunyana wakhe wokuqala eWSU.

Ngoba ibikokokuqala encedisa kwitumente enkulu, uAnathi uthi ebengalindelanga ukuba angafumana into ngenxa yomsebenzi wakhe. “Kube mnandi kakhulu kum ukufumana imbasa. Bendingayilindelanga ngoba sibaninzi, ndim ndedwa intombazana futhi mna ndiyazifikela apha eGcuwa. Ndiyavuya nyhani futhi ndinethemba lokuba nendlela eya phambili iza kucaca. Eminyakeni emibini ukuya kwemithathu, ndinethemba lokuba ndiza kube ndikwinqanaba eliphezulu,” utshilo uValashiya.

Uthi uzimisele ukuzenzela elakhe igama enyathela ekhondweni loosompempe baseMpuma Koloni abafana noMakhalima nabanye abaninzi. Nakubeni ekukhuleni ebengumntu odlala ibhola yomnyazi (Netball) – kodwa kwathi xa kuvela ithuba lokuphatha imidlalo, uAnathi waqonda ukuba makalibambe ngezandla zozibini. UValashiya uthi wathi akungalungelwa kwibhola yomnyazi wadibana noYongama Madlala owamfaka kule nto ayenzayo ngoku emva kokubonakalisa umdla kwinto eyayiseMount Fletcher.