Iqela leMK Party lisola unyawo lwemfene

Owayesakuba nguMongameli weli uJacob Zuma ebesandula ukubandakanyeka kwingozi yemoto kwaye akenzakalanga. UMFANEKISO: EPA-EFE/KIM LUDBROOK

Umbutho wezopolitiko woMkhonto weSizwe (MK Party) uxhalabile ngokhuseleko lwenkokeli yawo uJacob Zuma emva kokuba esinde engenawo nomkrwelo kwingozi yemoto.

Iingxelo zamapolisa zithi kubusuku bangoLwesine, umntu otyholwa ngokuqhuba enxilile utshayise imoto ebikhwele owayesakuba nguMongameli uZuma.

Le ngozi yenzeke kwindlela eShowe, kumantla eKwaZulu-Natal, logama uZuma ebesingise kwikhaya lakhe eNkandla.

Njengabo bonke ababesakuba ngooMongameli belizwe, uZuma usaxhamla kukhuseleko lweeNkonzo zoKhuseleko lukaMongameli nangona eneqela elincinane loonogada kunye neemoto.

Ngelixa uZuma esiwe kwindawo ekhuselekileyo, intloko yolonyulo yeMK Party uMusa Mkhize uthe umnqwazi awuqini ngale ngozi.

“Simemelela kumphathiswa wamapolisa, inkumanda yamapolisa kuzwelonke kwakunye nenjengele ephetheyo kweli candelo ukuba baqinisekise ukuba bangena nzulu basombulule le ngxaki iluhlaselo lukaMongameli wethu.”

Indoda eneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) kulindeleke ukuba ivele kwinkundla kamantyi yaseShowe ngoLwesibini, ijongene netyala lokuqhuba iphantsi kweempembelelo zotywala kwakunye nelokungakhathali.