Kubhubhe abahlanu emva kokuba iteksi ingqubene neloli

Abantu abahlanu baphulukene nobomi babo ngethuba iteksi eluhlobo lweQuantum itshayisa iloli ebithwele iingxowa zesamente kuhola wendlela uN2 phakathi kweNgqushwa neMakhanda namhlanje ekuseni.

Isithethi sesebe lezothutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi le ngozi yenzeke emva kwentsimbi yesithandathu kusasa kuhola wendlela uN2 phakathi kweNgqushwa neMakhanda.

Uthi abantwana ababini, indoda kunye nabasetyhini ababini babhubhele kwindawo yexhwayelo.

Uthi abakhweli abalishumi elinanye (11), kuquka nomqhubi weteksi bonzakele kwaye babalekiselwe kwisibhedlele saseSettlers ukuze bafumane unyango.

Le teksi ebisingise eNgqushwa ngethuba ingquzulana nale loli ebithwele iingxowa zesamente izimele ngxi.

Umqhubi weloli akalimalanga.

Ityala lokubulala ngaphandle kweenjongo livuliwe ukuze kuphandwe.