Iyachacha intwazana eyasinda kwingozi yebhasi eLimpopo

UMphathiswa wezeMpilo eLimpopo ebephelekwa ligqiza xa ebeye kutyelela le ntwazana esibhedlele. UMFANEKISO: LIMPOPO DOH

UMphathiswa weSebe lezeMpilo eLimpopo uGqirha Phophi Ramathuba uqinisekisile ukuba umntwana oneminyaka esibhozo (8) ubudala owasinda kwingozi yebhasi yangoLwesine uyachacha esibhedlele.

Ixhoba, intwazana eneminyaka esibhozo (8) ubudala, beliphakathi kweqela labakhweli abangamashumi amane anesithandathu (46) abebesingise kwinkonzo yePasika eMoria besuka kwikomkhulu laseBotswana iGaborone ngoLwesine, phambi kokuba ibhasi ebebekhwele kuyo ifumane ingozi.

Ngokweengxelo, umqhubi uphulukene nolawulo lwebhasi, nto leyo eyabangela ukuba ingqubane nemiqobo ebikwibhulorho. Oku kubangele ukuba ibhasi iwele ngaphaya kwebhulorho, kwaye yatsha emva kokuba ibetheke kumhlaba ongezantsi kwale bhulorho.

Amagosa ohlangulo afumene le ntwazana kwindawo yexhwayelo ecaleni kwemizimba engamashumi amathathu anesine (34) phambi kokuba ayibalekisele esibhedlele ukuze ifumane unyango.

UGqirha Ramathuba uncome abasebenzi basesibhedlele ngokuncedisa le ntwazana ukuba ichache.

“Uqhuba kakuhle. Usesibhedlele kwaye ukwimeko ezinzileyo. Ndanelisekile yimeko yakhe.”