Ubuyele kwiChippa kwakhona uSkhakhane

Iqela elizinze eBhayi iChippa United liphinde laqesha uRoger Sikhakhane njengomqeqeshi oyintloko ukulungiselela le sizini izayo.

USikhakhane ebesandula kugxothwa kweli qela ekuzeni kuphela kwesizini ephelileyo indawo yakhe yathathwa nguErnst Midderndorp. USikhakhane ubuyele kwiChippa emva kokugqibezela isizini ephelileyo.

Ukugxothwa kwakhe ngaphambili bekungenxa yokungaqhubi kakuhle kwakhe neli qela.

“Ewe ndingangqina ukuba uRoger Sikhakhane ngumqeqeshi wethu oyintloko, njengokuba ibisele ihletywa lo nto ngamajelo eendaba,” utshilo usomlomo weli qeli uLukhanyo Mzinzi kwikhasi lomnatha leKickOff.

Kukwavakale nokuba kuseza kubhengezwa iziphumo ezenziwe ngoMidderndorp, nowathi wanqunyanyiswa naye kweli qela ngokungaphumeleli midlalo.