UDan Malesela akonwabanga kwaphela

Umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, ngomnye wabaqeqeshi abangonwabanga kwiPSL ngumsebenzi wosompempe emva kokubethwa kweqela lakhe ngomzuzu wokugqibela.

Iqela lakhe lidlale umdlalo ongancimisiyo, kodwa ukhalela umsebenzi kasompempe athi noko izigqibo zakhe zibeka umsebenzi wabo bengabaqeqeshi esichengeni.

IiChilli-boys zibethwe ngo’1-0 yiPolokwane City kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe e-Old Peter Mokaba Stadium ngoMgqibelo. “

Andikhaleli indlela esidlale ngayo, kodwa ukubethwa ngendlela efanayo amatyeli amabini kuyothusa. Oosompempe abaziqondi izigqibo zabo ukuba ziyingozi kangakanani, ndingaphulukana nomsebenzi wam kusasa ngenxa yabo,” utshilo uMalesela.

Lo mqeqeshi ubonakele ethezeke amandla ngenxa yeziphumo, akafunanga kulitsolisa ngeyona ndawo ayifunayo ekupheleni kwesizini.

“Emva kwale nto yenzeke apha namhlanje, andiqinisekanga nokuba isizini iyakuphela sindawoni. Masilindele nokuba yintoni,” utshilo uMalesela.