Zizakuxhamla iilali zeNkonkobe

Kumalinge okuphuhlisa iilali zomasipala waseNkonkobe, iiNkosi eziphuma kumakomkhulu asixhenxe zityikitye isivumelwano sentsebenziswano neyunivesithi yaseFort Hare kule veki.

Ingqonyela yale yunivesithi, uGqirha uMvuyo Tom uthi bajonge ukusebenzisa ulwazi oluphekwa kweli ziko ukuphuhlisa ezi lali. “Esi sisivumelwano sokuqala esilolu hlobo kwimbali yale yunivesithi, kwaye siyinxalenye yesikhumbuzo seminyaka elikhulu yasekwayo le yunivesithi,” ucacise watsho uTom.

Esi sivumelwano kulindeleke ukuba sigxile kuphando nzulu olenziwa ngamasebe ahlukileyo eli ziko. Oyinkosi ebikhokele eli gqiza leNkosi uLanga Mavuso uthi, banethemba lokuba zizakujika izinto kuphuhliso lase- zimalini.

“Sinemilambo emine kule ngingqi esinqwenela ukuba sicetyiswe ukuba ingasetyenziswa njani ukuphuhlisa abantu abahlala kufutshane nale milambo,” uthethe watsho uMavuso. Ingxelo kaMavuso ithi, umhlaba waseNkonkobe utyebe kakhulu kodwa abanazo inkqubo ezisebenzisa ukutyeba kwalo mhlaba.

“Sifuna ukuba kule ntsebenziswano sicetyiswe ngolwazi olusekelezelwe kuphando nzulu ngeendlela zokwandisa imihlambi yethu yeenkomo, iibhokhwe, iigusha kwanezityalo ezifana nombona esiwuvelisayo kule ngingqi,”uthethe watsho uMavuso.

Iyunivesithi yaseFort Hare iqhuba imibhiyozo yeminyaka elikhulu yasekwayo, ngenxa yoku baqhuba iinkqubo ezahlukileyo.Iinkosi ebezingamangqina okutyikitywa kwesi sivumelwano ziquka uNkosikazi uNokwandisa Kama wamaGqunukhwebe, Nkosi Siseko Maqoma wama Jingqi,Viwe Hebe wabaThembu baseHewu, Nkosi Khayelethu Mqalo wamaKhuze aseDikeni, Nkosi Sibulele Mhlambiso wama- Ngqikambo amaHlubi, Nkosi Vulisango Zibi wamaHlubi ase- Xesi.

UNkosi Vulisango Zibi uyangqina ukuba kukho imfuneko yokuba banikwe amacebo okusebenzisa umhlaba abanawo ukuze baphuhle. “Uxanduva lethu njengeziko lemfundo kukuphuhlisa intlalo yabantu abakwezi ndawo emi kuzo la maziko, ngophando lethu siyakubangela ukunaba okumandla kwiinkqubo zophuhliso,” uvale ngelo uTom.

siyabulela Mqikela@inl.co.za