UDjokovic wenze ezibukwayo kwiFrench Open

Intshatsheli yomdlali wentenetya uNovak Djokovic ukwazile ukuba yindoda yesithathu ukuphumelela ukubamba amawonga amane eGrand Slam.

Lo mdlali uhamba phambili kwihlabathi uphumelele okokuqala iFrench Open ngeCawa lo nto yamenza aphumelele omane amawonga okokuqala.

Lo mdlali ubethe * -Andy Murray ukuze aphumelele eli wonga ngeCawa, kwaye ufumene itayitile yeshumi elinesibini. Impumelelo yakhe imbeka ndaweni nye nabadlali abafana noDon Budge kunye noLaver. Kukuphela kwabadlali abaphumelele ngokulandelelanayo iFrench Open, Australian Open, US Open kunye neWimbledon.

“Andifuni kuvakala njengomntu onekratshi, kodwa ndicinga ukuba wonke umntu angayenza ebomini,” utshilo uNovak.

“Ukuphumelela le ndebe namhlanje kundonwabise kakhulu. Ndisazama ukuyifaka engqondweni into yokuphumelela kwam.”

Umdlali wokugqibela kwiGrand Slam kwesi sigaba sesizini nguJim Courier waseMelika, waphumelela zombini iAustralian Open kunye neFrench Open zilandelelana ngo-1992.

Itayitile yokuqala kaDjokovic yeGrand Slam uyifumene kwityeli lesine emva kokubethwa kathathu ngaphambili kwimidlalo yamagqibela kankqoyi.

UDjokovic uthi ebeluva ngamandla uxinizelelo ngoku sele usondele ekupheleni umdlalo wakhe noMurray kodwa wazixelela ukuba akafuni kunikezela.

Lo mdlali waphumela iwonga lakhe lokuqala eliphezulu kwiAustralian Open ngonyaka ka-2008 kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba alinde eminye iminyaka emithathu phambi kokuba afumane enye.