UDolly uzakuphoswa ngumdlalo weCAF Champions League

UKeagan Dolly uthe cwaka ngamahum-hum athi uyafunwa ngamaqela ebhola ekhatywayo eYurophu. Umfanekiso: Sascoc

Umdlali weMamelodi Sundowns, uKeagan Dolly, uzakuphoswa ngumdlalo obalulekileyo weli qela weCaf kwiveki ezayo.

IMamelodi Sundowns izakundwendwela ilizwe laseNigeria – apho kulindeleke iqubisane neqela eliphambili kwela lizwe, i-Enyimba, kumdlalo weCaf Champions League ozakube ubanjelwe ePort Harcourt ngoLwesibini weveki ezayo.

Ingxaki enayo ngoku iDowns kukuba uDolly akazukwazi ukudlala ngenxa yokwenzakala okungephi akufumene eRio kwi-Olimpiki.

Lo mdlali ukungqinile ukwenzakala kwakhe ekugalelekeni kweqela lesizwe, iSA Under-23, e-O.R. Tambo Airport, ebelimele uMzantsi Afrika kwimidlalo ye-Olimpiki ka’2016 esingathwe sisixeko esikhulu eBrazil – iRio De Janeiro.

“Akukho nto ingako kumonzakalo wam. Kuza kudlula nje le veki, ndakube ndiphile qete xa iqela libuya eNigeria kwiveki ezayo,” utshilo uDolly.

Umqeqeshi weDowns, uPitso Mosimane, unike lo mdlali ithuba elingangeveki ukuze aphumle ekhaya.

Emva kokudlala kakuhle kwakhe uDolly kwimidlalo ye-Olimpiki, kubekho iingxelo ezithi ufunwa ngamaqela aseYurophu.

“Andifuni kuthetha ngalo nto ngoku. Ingqondo yam ikumalungiselelo wokuqala kwesizini entsha,” utshilo uDolly.

Ukungabikho kwalo mdlali akuzuyiphazamisa iSundowns ngoba sele iyiqinisekisile indawo yayo kumjikelo olandelayo kwiCaf Champions League.