Amajimbos afuna impumelelo eTanzania

Amajimbos afuna impumelelo kumdlalo wokuzibekela indawo kwi-African Youth Championship ophakathi kwawo neTanzania.

Amajimbos ajongisa imibombo kwilizwe laseTanzania namhlanje apho kulindeleke lidlale umdlalo wesibini okuzibekela indawo kwitumente ebizwa ngokuba yi-African Youth Championship. Eli qela lesizwe, iSA Under-17, lizakuxikixana nelaseTanzania kwisixeko esikhulu iDar Es Salaam ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe. Umdlalo wokuqala phakathi kwala mazwe mabini uphele ebambene ngo’1-1 kwiveki ezimbini ezidlulileyo eDobsonville Stadium. Umqeqeshi weli qela, uMolefi Ntseki, akenzanga tshintsho kwiqela labadlali abachonge phambi komdlalo odlulileyo. UMzantsi Afrika uya kulo mdlalo ubalulekileyo ufuna impumelelo ukuze ufumane ithuba lokuthatha inxaxheba kwitumente ezakube ibanjelwe eMadagascar kunyaka ozayo. Iqela lesizwe eliphumeleleyo kulo mdlalo wangeCawe lizakudlala neNamibia okanye iCongo kumjikelo wokugqibela oyakugqiba ukuba leliphi ilizwe eliya kwi-African Youth Championship.

Iqela labadlali boMzantsi Afrika lime ngolu hlobo: TSHEPO MOHUI, GLEN BAADJIES, MSWATI, MAVUSO, LUKE FLEURS, SECHABA MOKOENA, SAFWAN HENDRIKS, LETHABO MAZIBUKO, NKANYISO SHINGA, MJABULISE MKHIZE, BONGA DLADLA, LINAMANDLA MCHILIZELI, TYREESE PILLAY, SABELO RADEBE, NDAMOLELO RADZILANI, LUKE LE ROUX, S’MISO BOPHELA, THABISO MONYANE, SIFUNDO NKOSI, SIPHAMANDLA NTULI noJAQUEEL DE JAGER.