UGamondi akonwabanga ngenxa yesigqibo esithathwe yiVAR!

UMiguel Gamondi ngumqeqeshi weYoung Africans SC. Umfanekiso: Backpagepix

Abadlali beYoung Africans SC bagoduka iintliziyo zabo ziqaqamba emva kokubethwa emdlalweni wayizolo. Oku kuvezwe nguManuel Gamondi emva kokuba iqela lakhe libethwe yiMamelodi Sundowns ngo’3-2 kwiipenela emdlalweni weCAF Champions league obutaka iintlantsi eLoftus Stadium, ePitoli. Umdlalo uye kwiiipenela emva kokuba imizuzu engamashumi alithoba iphele kungekho qela elikwazileyo ukuphumelela. Nangona kunjalo, uGamondi uyigxekile iVideo Assistant Referee ekuthiwa yiVAR emva kokungalivumi igowuli elifakwe nguAziz Ki.

Ibhola ekhatywe nguKi ijikele emva kukaRonwen Williams yabonakala iphakathi – kodwa kwacaca ukuba ayigqithanga yonke emgceni ngokutsho kwayo iVAR. Eso sigqibo sishiye izimvo zabantu zibethabethana futhi ingxoxo isaqhubela phambili nanamhlanje. Amaqela omabini adlale umdlalo osemgangathweni ophezulu. Noxa iSundowns ibithande ukuba horho kwisigaba sokuqala – kodwa ayikwazanga ukudala amathuba acacileyo ngoba iYanga ibivale onke amazibuko. Kwesesibini isiqingatha, iYanga ihlasele bhetele kunesokuqala futhi iphantsi yenze idemesha.

“Asikwazi ukulwa nayo iVAR. Ndicinga ukuba okwenzekileyo akulunganga – kodwa ukuba ndingathetha kakhulu ndingohlwaywa,” utshilo uGamondi kwiSABC Sport. “Naye uAziz Ki uthe kum, mqeqeshi ligowuli eliya. Abadlali badakumbile emva kwala nto yenzekileyo. Kubi ukwenzeka kwento enjeya xa udlala neqela elikhulu. Ndincoma abadlali bam ngoba balwile futhi ngabo abadale amathuba emdlalweni kuneSundowns ebinethuba elinye kuphela elicacileyo. Okwenzekileyo akuyifanelanga ibhola ekhatywayo eAfrika,” utshilo uGamondi ovale ngelithi iSundowns liqela elikhulu elingadingi ukuncediswa yiVAR.

Idlulele phambili iSundowns kwiCAF Champions League. Mane amaqela aza kushiyeka emva kwemidlalo yale mpelaveki. Nakubeni amaqela esilwela indebe yeChampions League – kodwa kukho nethuba lokuya kwiFifa Club World Cup ecaleni elikhatshwa sisityhwentywe semali. URulani Mokwena usigalele amanzi isikhalo somqeqeshi weYanga ngelithi ukhala kuba iqela lakhe lingaphumelelana. Uvumile kekambe ukuba mhlawumbi ngekhala naye ukuba iqela lakhe belibethiwe emdlalweni.