Kubhubhe omnye konzakala abasibhozo kwingozi yebhasi kuR61

Ingozi yebhasi eyenzeke kuR61. Umfanekiso: Uthunyelwe

Kubhubhe umntu omnye logama abanye abasibhozo bonzakele kwingozi yebhasi kwindlela uR61 phakathi kweKomani neCofimvaba.

Othethe egameni lesebe lezothutho eMpuma Koloni u-Unathi Binqose uthi kutyholwa ukuba ngethuba besuka kuKomani besiya kumsitho weANC eNgcobo, ibhasi ebinabakhweli abangaphaya kwamashumi amathathu (30) iye yonakalelwa yigiya ngethuba ihamba kwindlela enyukayo yaze yabandakanyeka kwingozi kwindlela uR61.

“Kubhubhe umntu omnye logama abanye abasibhozo befumene umonzakalo kwaye babalekiselwe esibhedlele kuKomani,” utshilo uBinqose.

Uqhube wathi abakhweli abaseleyo kuquka nomqhubi webhasi basinde bengenawo nomkrwelo.

UBinqose uthi ityala lokubulala ngaphandle kweenjongo livuliwe ukuze kuqhutywe uphando.

Umphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha udlulise amazwi ovelwano kowasetyhini ophulukene nobomi bakhe kule ngozi kwaye unqwenelele abo bachacha esibhedlele ukuba bachache ngokukhawuleza.