UJose Riveiro uphawula ngakufunayo kwiDStv Premiership

Izinto aziyihambeli kakuhle ncam i’Orlando Pirates – kodwa nakubeni kunjalo, uJose Riveiro uthi lisekhona ithuba lokulwela indawo yesibini. Umqeqeshi wePirates uvakalise ukungonwabi kwakhe emva kokuba ibambene neMoroka Swallows ngegowuli elinye macala emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDobsonville Stadium ngoLwesithathu wale veki.

Ukungaphumeleli kwayo iPirates kuthethe ukuthi ayikwazanga ukuphumelela emidlalweni emibini ilandelelana. Kwiveki ephelileyo, ibisophisa emva kokubethwa yiSekhukhune United ngo’2-1.

Njengokuba isizini isondela esiphelweni, ngamaqela amathathu alwela indawo yesibini ngoba iMamelodi Sundowns seyifumene amanqaku amanintsi ayinika ithuba lokuthatha indebe yeDStv Premiership kwakhona.

Ukungaphumeleli kwayo iPirates kuyivimbe ithuba lokuya kwindawo yesibini ehleli iStellenbosch FC ebethe iKaizer Chiefs ngo’1-0 kule veki. URiveiro usenalo ithemba lokubamba indawo yesibini noxa iqela lakhe limane lilahla amanqaku endleleni.

“Kunzima ukudlalela indawo yesibini kwiDStv Premiership. Onke amaqela alwela yona aqhuba kakuhle. Iza kunika umdla la ndawo kwaye ndicinga ukuba iza kucaca ngomhla wokugqibela,” utshilo uRiveiro emva komdlalo kule veki.

Noxa iSwallows iqhufuze iqanda kuqala ngegowuli elifumene kwisigaba sokuqala somdlalo, iPirates ikwazile ukufaka elayo igowuli kwisigaba sesibini. “Sizimisele ukwenza ngako konke okusemandleni wethu ukuze siqinisekise ukuba sifumana indawo yesibini.

“Sifuna ukudlala imidlalo yeCAF kwisizini ezayo. Emdlalweni olandelayo xa sidibana neGolden Arrows, kunyanzelekile silwele amanqaku amathathu. Umdlalo uza kuba nzima – kodwa siza kulwa.

Okungasonwabisanga kukuba asikwazanga ukudlala ngendlela yethu. Abadlali bethu bebenayo indawana yokubhuduzela emhlabeni kanozinti. Umdlalo ubulawulwa sithi – kodwa asidlalanga kakuhle emizuzwini yokugqibela emdlalweni,” utshilo uRiveiro. Ezimnyama zamkela iGolden Arrows emdlalweni ongoMgqibelo.