UGeorge Maluleka uzifumanele ikhaya kwiMamelodi Sundowns

George Maluleka of Kaizer Chiefs FC during the Absa Premiership 2019/20 football match between Amazulu and Kaizer Chiefs at King Zwelithini Stadium on 24 September 2019 Gerahrd Duraan/BackpagePix

Emva kwemini
namhlanje, iKaizer Chiefs idize iindaba ezithi uGeorge Maluleka uza kuhamba xa
kuphela isizini ka-2019/20. Ngokwengxelo ekhutshwe yiChiefs, uMaluleka ukhethe
ukuzifumanela ikhaya elitsha kwiSundowns endaweni yokuhlala eNaturena kwakhona.
Isigqibo sikaMaluleka siza emva kweengxoxo ngokuvuselelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho
eziqingqithe ixesha elide. Amakhosi athi uMaluleka usalile isiphakamiso sawo
sokutyikitya iminyaka emibini nethuba lokongeza omnye unyaka. UMaluleka, 31, wagaleleka
kwiChiefs ekuqaleni konyaka ngo-2014 esuka kwiSuperSport United. Wafika
ngethuba kwakusekho uStuart Baxter owaye wanceda iChiefs eyaphakamisa indebe
ye-Absa Premiership okwebisini. Isibhengezo seChiefs silandela isibhengezo
esenziwe nguPitso Mosimane oxelele iintatheli okokuba iSundowns sele ityikitye
abadlali abathathu abaza kufika kuyo kwisizini ezayo.

“Iingxoko
phakathi kweChiefs noGeorge Maluleka zifikelele esiphelweni esingakhange
silindeleke. IChiefs imnike ithuba lokwandisa isivumelwano sakhe sengqesho ngeminyaka
emibini – kodwa uye wayikhaba lo nto. Emva kweengxoxo ezithathe ixesha elide,
umdlali uye walixelela iqela okokuba sele enesivumelwano neMamelodi Sundowns.
Akukho nto eyithethileyo iSundowns kwiChiefs ngeso sigqibo njengoko umthetho
usitsho xa iqela lithetha nomdlali welinye iqela,” itshilo ingxelo ekhutshwe
yiChiefs. Eminyakeni ayihleli kwiChiefs, uMaluleka ukwazile ukudlala phantsi
kwabaqeqeshi abafana noSteve Komphela, uGeovani Solinas no-Ernst Middendorp.
Kuloo minyaka, zikhona iindebe azizuzileyo. Kulindeleke akhuphisane nabadlali
basesiswini kwiSundowns abafana no-Andile Jali, uHlompho Kekana, uTiyani
Mabunda no-Oupa Manyisa osakhonkxwe kukonzakala.