UHelman Mkhalele uthi lifikile ixesha lokuba iSafa icacise ngekamva lakhe

Helman Mkhalele Mentor during the 2016 Nedbank Cup Keyona Ring of Steel Launch on 19 April 2016 at Urban Brews Studios Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

UHelman
Mkhalele udiniwe kukuba libambela lomqeqeshi kwiqela lesizwe lebhola
ekhatywayo, Amajita (SA Under-20), elingaziyo ukuba ikamva limphathele ntoni.
OkaMkhalele unethuba elide elibambela-mqeqeshi. Wangena ezihlangwini zikaMolefi
Ntseki kunyaka ophelileyo emva kokunikwa isikhundla sokuqeqesha aBafana Bafana.
Ukusukela ngoko, izikhulu zeSouth African Football Association zathi uMkhalele
makasebenze – kodwa ngoku uthi udinwe kukungalazi ikamva lakhe. UMkhalele, 50,
ngomnye wamadoda ahlonitshwayo ebholeni ekhatywayo yaseMzantsi Afrika emva
kokudlalela iqela elifana ne-Orlando Pirates naBafana Bafana ngeentsuku zakhe
zobutsha. “Kudala ndibambele ngoku. Ayikacacisi iSafa nokuba iya kusenza
isigxina nini na esi sikhundla. Ndinethemba lokuba abasemagunyeni baya
kuyikhawulezisa lo nto. Okwangoku, akukabikho kwanto  ebhekiswe kuthi yiSafa,” utshilo uMkhalele
osele efumene izatifikethi kwezoqeqesho ezifana neCAF A Liceince ne-Uefa B
Licence kwelaseJamni.

Kungokunje
iSafa isakhangela abaqeqeshi abaza kuncedisa uNtseki kwiqela lesizwe elidala.
UMkhalele unethemba lokuba abaphathi bakhe baya kwenza into efanayo nakwiqela
labadlali abasakhulayo. “Ndicinga okokuba abaphathi baza kuzigcwalisa zonke
izikhundla ezingenabantu xa beqasha abancedisi bomqeqeshi weBafana Bafana.
Isichaphazela kakubana le nto ngoba nathi siyafuna ukuzazi indawo esimi kuyo.
Emva kokukhula phantsi kwamadoda afana noClive Barker owanceda aBafana Bafana
ngo-1996, uMkhalele unethemba lokuqeqesha kumgangatho ofanayo ebholeni
ekhatywayo. “Ebomini bam, ndinawo umnqweno wokuqeqesha iqela lesizwe elidala.
Ndikulangazelela kakhulu ukukhokela ilizwe lam – kodwa ndiyazi okokuba yonke
into inexesha layo. Okwenziwe nguNtski kuyasikhuthaza kakhulu kwaye yindoda
enolwazi olunzulu ngebhola ekhatywayo. Kuninzi kakhulu endikufunde kuye
ngethuba esaqeqesha Amajita,” utshilo uMkhalele owayeyinxalenye yePirates
eyaphumelela iCaf Champions League ngo’95.