Babhaqwe eNtshona Koloni ababulele umakhulu waseSteke!

Urontawuli otshileyo wexhegwazana lakwaMajuba eSterkspruit SAPS
UMNTU obhinqileyo, 38, kwakunye noyindoda, 38, babanjwe kwidolophu yaseWorcester eNtshona Koloni ngoLwesibini, besongeza kwisithandathu esele siseziseleni eSterkspruit. 
Aba barhanelwa bajongene namatyala amathathu, elokubulala, elokuzama ukubulala, elokuxhaphaza kwakunye nelokutshisa.

Oku kulandela emva kokuba abarhanelwa aba kwiveki ezimbini ezigqithileyo bangqala emzini wexhegwazana elinamashumi asibhozo anesithathu ubudala, beyokulibulala emva
 “kokumpola” komzukulwana walo nekutyholwa ukuba wathi, udiniwe kukondla abantu ababhubhileyo nabagcinwe nguninakhulu kokwabo.
Oku kwavusa umnyele kulutsha lakwaMajuba, kwabe kusandula ukubhubha abantu kule lali ngendlela engaqondakaliyo, ngokokutsho kowancokolela I’solezwe lesiXhosa bucala.

Ividiyo eyayithutyeleziswa kunxibelelwano lomnatha yayibonisa ixhegwazana lijwilwa kabuhlungu kurontawuli walo ovutha amadangatya omlilo, labe likhala lisithi, ndixoleleni ndizothetha.


Ixhegokazi lamane liphuma kule ndlu eyayivutha kodwa laphela libhubha emva kokufakwa ngentloko kumgqomo onamanzi, larhaxwa labhubha.
Iqela labecuphi baseMpuma Koloni khalilale lilandelela umkhondo de lababhaqa abanye abarhanelwa eNtshona Koloni, ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ephondo uBrigadier Tembinkosi Kinana.

UMkomishinala wamaPolisa ephondweni Njengele Liziwe Ntshinga uthi ukubanjwa kwaba barhanelwa kubonakalisa ukuzimisela kwamapolisa kumsebenzi wawo.

Bebonke abarhanelwa ababanjiweyo basibhozo.

Kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla yamatyala eSterkspruit. Kusaqhutyekekwa nophando.