UJele unika iingcebiso abadlali beSundowns

Kukho intetha ethi indlela yaziwa ngulowo wakhe wayihamba. Yiyo lo nto uHappy Jele ethe makacebise abadlali beMamelodi Sundowns njengokuba bebuyela kwiCaf Champions League.

Lo kaJele wayeyinxalenye ye-Orlando Pirates eyajika kumdlalo wamagqibela kankqoyi weChampions League ngo’2013 phantsi kukaRoger De Sa.

Kanti nakunyaka ophelileyo ngethuba iPirates ibethwa kumdlalo wokugqibela ebekhona. Amasandawana aqubisana ne-ES Setif kumdlalo kaGroup B e-Algeria ngomhla weshumi elinesibhozo.

“Ndicinga ukuba kufuneka iingqondo zabadlali zihlale emidlalweni ngokupheleleyo. Kuzakubanzima ukudlalela ngaphandle kwelizwe, kodwa ukuba bamanyene, akukho nto inokuboyisa,” ushilo uJele kumsitho weCoca Coca Cola.

UJele ngomnye wabadlali abakhulu kwiPirates kodwa njengokuba iye ayadlala kakuhle kwisizini ephelileyo, naye khange adlale kakuhle ngenxa yokuphazanyiswa kukonzakala.

Njengokuba iphele isizini ingafumananga nenye indebe iPirates, yena uJele uthi eyona nto ibaphazamisileyo kakhulu kukungxabalaza.

“Ndicinga ukuba kufuneka sigxile kwimidlalo yalapha ekhaya ngoku. Kufuneka sifumane indebe ngoba besisoloko sixakekiswe yimidlalo yeCaf ixesha elide,” utshilo uJele.

AmaBhakaniya aphose ithuba lawo lokugqibela lokufumana indebe nelokubuyela kwimidlalo yeCaf emva kokubethwa yiSuperSport United kumdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup kwinyanga ephelileyo.

Kungokunje kuvakala iindaba ezithi ikhangela umqeqeshi omtsha ozakuthi angene endaweni ka-Eric Tinkler ongafumenanga nto kwiminyaka emibini exhuzula imikhala njengomqeqeshi wePirates.

Ngenxa yobunzima besizini ka’2015/16, iiBucs zingene nzima nakumaqela asibhozo aphambili kwiPremier Soccer League ekulindeleke avule isizini entsha ngokudlala iMTN 8.

pedro.mapelo@inl.co.za